Yekani ukonyusela abantwana!

Bathathwa kanjani abantwana abangenaziqiniseko zokupasa neeleta ezivela kwizikolo ebebefunda kuzo?

Yintoni emxelayo ukuba ufunda okanye uzakufunda ibanga elithile kweso sikolo afika kuso? Inkoliso yabo bahamba bodwa abekho abazali kodwa bayathathwa kwezinye izikolo.

ISebe leMfundo lidlala eyiphi indima ukulwa nalo mkhwa mbi kangaka. Kuza wutyholwa ootitshala ngeziphumo kanti umfundi zange aphumelele kwakumanga asezantsi, wazinyusela.

S.C.Mdakane