Yemnka intsangu magwalandini

Kutshanje bekubanjwe inkomfa entsuku mbini ibixoxa ngecuba lakudala kweli intsangu.

Okona kothuse kakukhulu kukubona abantu esingazange sibabone ngaphambili bedlala indima enkulu kule nkomfa.

Umbuzo ngowokuba baphi aba bantu babebanjwa betshutshiswa ngokuthengisa okanye ukuthethelela intsangu. Ingaba intsangu xa ikhululwa ukuba isetyenziswe nje ngechiza lokunyanga izakuphinda iwele ezandleni zamasebe noqhimgqotshe.

Intsangu kuvakala ukuba lelinye lamacuba okanye ichiza elalisetyenziswe ngempumelelo ukunyanga bantu ngeminyaka esukela ko1400.

Izizwe ezivela ngakumantla weAfrika akuvakali ukuba beziyiphethe ngethuba zisehla ukuzakuma kumazantsi weAfrika. Oko kuthetha ukuba ulwazi ngentsangu sidibene nalo kubaThwa abona bantu bebehleli bengabanikazi bomhlaba,izimbiwa nezinye izinyo ebezikho kweli lamazantsi weAfrika eziquka intsangu.

Kungoko amaXhosa anike imbeko kubaThwa balibiza ukuba elicuba licuba labaThwa, kamva kwathwa licuba lamaMpondo kuba nawo ahlutha imihlaba yabaThwa athatha abafazi babo becuba labo.

Isizwe senkolo yamaRasta sesinye sezizwe ezisokole kakhulu sisilwela ukuba intsangu yenziwe ibesemthethweni nokuba kungaluphi uhlobo, bebanjwa, bebethwa bambi beduka bebulawa ngokulwela intsangu.

Amasela ave kusithwa urhulumente uyayikhulula ukuba isetyenziswe nje ngechiza, ngoku ayaphithizela afuna ukuthathela intsangu kuwo. Kwisizwe samaMpondo kwakhiwe imizi, kwafuywa kwafundiswa abantwana ngemali yokuthengisa intsangu, nabo bebebanjwa,bebulawa betshutshiswa ngokuthengisa intsangu.

Ngobani aba benza ezinkomfa zixoxa ngentsangu, bavelaphi, ithini injongo yabo ngelicuba lokhokho bethu? Ndibuza oku kuba xa bendijongile ngemehlo kule nkomfa ibiseMonti, kuzele abantu abaphuma kwezinye izizwe.

Imibutho evoke engceni ibanga ngokuba yiyo ekhokele ingxoxo yokusetyenziswa kwentsangu.Bebethunywe ngubani ukuba basungule imibutho engentsangu, intsangu yobani, yemnka intsangu magwalandini.

Nakumkhumbula kakuhle uWalter Rubusana xa wayenixelela ngokumnka kwenkomo, esitsho ixela ukumnka komhlaba, amasiko, izithethe nobuncwane bemveli yethu.

Vukani maAfrika, angxamile la madoda afuna ukwenza imali ezityebisa ngentsangu yokhokho bethu. Kukho onokhwele mthini (stoki), izonkana ezincinci nezinye imveliso ezenziwa ngentsangu zithengiswa ngabantu abangaveliyo bona.

Ngenxa yokuba bebona ithuba elihle lokwenza imali elizakudalwa kukukhululwa kwentsangu bangxamile.

Izithethi zonke ebezithetha kule nkomfa ibiseMonti, ngabantu abaphuma kwezinye izizwe, akukho bani omelet aba bantu babetshutshiswa kusithwa bathetha ubuvuvu xa babesithi bayikhululwe intsangu. Yemnka intsangu magwalandini.