I-Arhente yeZendlela iSANRAL yazisa ngophazamiseko oluza kuqhuba kwindlela ephakathi kweGqeberha neMonti, noluza kuqhuba iinyanga ezilishumi (10), ukuqala ngomhla wesihlanu (5) kule nyanga yeDwarha, kushumbiswa ilitye.
Le ndlela izakuthi ivalwe kabini ngeveki, ngoMvulo nangoLwesine, phakathi kwentsimbi yesibini emini, ukuya kwintsimbi yesihlanu malanga xa kuqhutywa olu qhushumbiso.
Olu qhushumbiso luza kuqhuba kwicandelo 13 no14 phakathi kweMakhanda neNgqushwa, kwindawo ekufutshane neFish River. Indlela iza kuvalwa iiyure ezintathu ukuze kucocwe le ndlela, kwaye ikhuseleke kwizithuthi eziyisebenzisayo.
“Abaqhubi bezithuthi bayacelwa ukuba benze izicwangciso ngohambo abaza kuluthabatha ngezi ntsuku, basebenzise ezinye iindlela kwaye baqaphele xa besebenzisa le ndlela”, utshilo uMbulelo Perterson onguManejala kule ngingqi.
Abaqhubi beenqwelomafutha abasingise ngasentshona, phakathi kweMonti, iQonce neGqeberha, banokusebenzisa ezi ndlela zilandelayo:
Xa usuka eMonti, sebenzisa uR72 ukuya ePort Alfred, eKenton on Sea naseNanaga, uze ujike ekhohlo ungene kuN2 uqhubeke usingise eGqeberha.
Ukanti abo baqhubi bona basingise empuma, phakathi kweGqeberha, iQonce kunye neMonti, bangasebenzisa le ndlela:
- Xa usuka eGqeberha landela indlela uN2 oya ngaseNanaga, uze ujike ngasekunene kuR72 kwisiphambuka esiseNanaga, usingise ngaseAlexandria, ePort Alfred, ukuya kufika eMonti.
- Ukusuka eMonti, jika ngasekhohlo kuN2, uye ngasentshona ukuya eQonce.
ISANRAL iyaxolisa ngolu phazamiseko.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini