Yenza utshintsho kwezobugcisa iMthatha

 

Ngomhla wesine nowesihlanu kwinyanga ezayo yeSilimela, iziko elijongene nokuphuhlisa italente yokucula, ukubonga, ukucondoba kwanokudanisa elibizwa ngokuba yiMandela Creative Arts Academy eMthatha, liza kube lisungulwa ngokusesikweni kule dolophu.

Eli ziko liqalwe nguThandile Mandela ebambisene noAjmer Grewal weModel Private School eseMthatha kunyaka odlulileyo kweyeThupha.

Abafundi baseMandela Model Creative Arts Academy eseMthatha benonisa umsebenzi wabo woku danisa. UMFANEKISO: JEFF THEMBO/MONWABISI NGCAI.

UMandela uthi eyona njongo kukudontsa ulutsha lwaseMthatha neziphaluka kwiziyobisi ukwenzele babene kamva elingcono kwaye bachithe ixesha labo kwinto abayithandayo kwaye ezokuba xakekisa neengqondo zisoloko zicinga okuhle.

Uthi namathuba engqesho ambalwa kakhulu nokuba umntu ufundile.

“Ndifuna abantwana bangathi bakungafumani umsebenzi basonge izandla. Ndifuna abe umntu enayo into aqhubekeka ngayo ecaleni, angasongi zandla. Kungenjalo naxa esele ephangela angaxhomekeki kumvuzo wakhe kuphela, akwazi nokuziphilisa ngomsebenzi wobugcisa ecaleni,” utshilo uMandela.

UMandela uthi kufike ixesha ukuba bakhulise indawo yabo uMthatha, athi umntwana ephumela kwiidolophu ezinkulu abe eyokuphakamisa le dolophu.

UMandela ebehlohla kwisikolo esibizwa ngokuba yiModel Private School esiseMthatha apho aqaphele khona ukuba italente ikhona koko idinga ukuphuhliswa. UMandela ukhule esenza izifundo zomculo ebuncinaneni bakhe de waya eNatal Technikon apho enze izifundo zomculo weJazz, ze waphuma waya eUnivesity of Cape Town esenza iiMasters zakhe emculweni.

Eli ziko ngomhla weshumi elinanye kwangoJuni liza kube linika ithuba izikolo zaseMthatha ithuba ziyokubona okwenzeka kulo, kuquka neWalter Sisulu University abafundi abenza izifundo zenkcubeko nobugcisa kweli ziko.

Kwabanomdla wokuqeqeshwa leli ziko, iminyaka yabo iqala ku10-18 abadanisayo ze abaculayo baqala ku8-22 yeminyaka ubudala.

Ixesha lokuqeqeshwa lingempelaveki nangeentsuku zeholide.

Eli ziko lifumaneka edolophini eMthatha ukanti ungalityelela nakuFacebook.