Yenze amahololo ‘iNkalakatha’ yongasekhoyo kwiNdebe yeHlabathi

Ingoma ethi ‘Nkalakatha’ esele ineminyaka engama-23 yakhutshwayo neyathandwa kakhulu luluntu kuquka nabamhlophe yemvumi engasekhoyo yomculo weKwaito uMduduzi Tshabalala, nowayesaziwa ngelikaMandoza, ibumbanise uluntu loMzantsi Afrika yakwanika namandla kubadlali bebhola yombhoxo eFrance ngethuba kuqhuba iNdebe yeHlabathi kwinyanga ephelileyo.

Le ngoma ibisithi yakudlala badlobadlobe abantu babenethemba nto leyo iye yanika nethemba kumaBhokobhoko ngethuba ekude nekhaya neye yawasondeza aziva esekhaya xa kusitsho le ngoma iNkalakatha.

UMandoza uzelwe ngoJanywari ka-1978, wabhubha ngoSeptemba ka-2016 kodwa noko kunjalo alikacimi igama lakhe ngenxa yomculo wakhe.

Ingxelo kumajelo eendaba ithi le ngoma ibidlala nakwiindawo zentselo eParis, nakwiindibano zolonwabo ingakumbi xa ilusuku lokudlala kweeSpringboks.

Kulamajelo endaba inkosikazi kaMandoza uMpho uthe xa kunje unqwenela ukuba abe ebesaphila umyeni wakhe azibonele ngokwakhe ubunye kwanomanyano kwilizwe olwenziwa yingoma yakhe iNkalakatha.

Amabhokobhoko ajongwe ngamehlo abomvu eMonti, nalindeleke ukuba agaleleke kule dolophu kusasa ngeCawa ukuyokutsho ngentsimbi yesibini emva kwemini.

Amabhokokobho azakube ejikeleza kwizitalato zeelokishi zale dolophu ebonisa ngendebe kuluntu.

EMonti aza kugaleleka ngoMgqibelo ngorhatya kwisikhululo seenqwelomoya iKing Phalo, esuka eDurban.