Yenzelwa ntoni imvumakufa?

Abelaphi bendabuko bebebambe umhlangano endaweni yakaMakhutha ngenxa yokudingida izinkinga abahlangabezana nazo beyizangoma umfanekiso: Zanele Zulu

Abantu abathwasela ubugqirha abanyangwa ngendlela efanayo, kwankqu nezigaba zabo azifani.

Oku kuthethwe nguPhathiswa Nesi, oligqirha, nobesisithethi sembeko ngethuba kuvulwa ngokusesikweni umboniso ngentwaso nokuhlwayela kwayo ubugqirha kwiziko lembali iAlbany Museum eMakhanda kwiveki ephelileyo.

UNesi uthi mine imifuziselo yokuthwasisa lowo unobizo lobugqirha – ngumlambo (umkhatho), lulwandle (umz’ omkhulu), lihlathi (ingethe) okanye umqolomba.

UNesi uthi isigaba sokuqala, isiphuthumo, kukufukamela endlini kowenu, ukuze ubani aziswe kwizihlwele zakowabo. Emva koko uyokufukamela kwezi nkalo zine.

“Awuyi kuzo ungakhange uziboniswe ngabalele ukuthula bakowenu. Kufuneka ube kanti uzibonisiwe. Kodwa into ebalulekileyo kukuba abo bathwasayo abahambi ngokwezigaba ezifanayo,” utshilo uNesi.

Esinye isigaba xa usele uyile emkhathini okanye kumz’ omkhulu, kulandela imvumakufa.

“Kutheni imvumakufa? Oku kungenxa yokuba xa uthwasayo kungena sigaba sithile ebomini bakho. Ngoku ke ngoku uyafa ngokwenyama ukuze zonke ezi zinto ubuzenza zingalunganga zife kuwe kuvuke umntu onyulu.

“Ukuvuma ukufa ngenxa yokuba ungenxa kwesinye isigaba ebomini. Imvumakufa yenzelwa ekhayeni, kusetyenziswa ibhokhwe. Kubalulekile ke xa kuxhelwa la bhokhwe yemvumakufa ubekanti izinto zakowenu uzenzelwe, izinto ezifana nembeleko, intambo, intonjane – ukuze uthi usitya ibhokhwe yemvumakufa babe abantu bakowenu bekwazi,” utshilo uNesi.

Emva kwemvumakufa kulandela isigaba ekuthiwa ngumgqababo. “Umgqabazo kulapho ufukamela iimfele zezilwanyana kuba ubugqirha buhambela nezilwanyana. Kwalapha kumgqabazo uye unikwe ulugxa, apho unikwa khona imvume yokugrumba amayeza okuphilisa abantu,” utshilo uNesi.

UNesi ukwabalule isigaba athi asinikwa wonke umntu othwasayo, ekuthiwa ngooNontyilontyilo bakowenu – izinto ezithethayo. “Apho ke sithetha ngomntu ova izinto ezindlebeni, axele ukuba kuthiwani.”

Abanye xa bethwasayo kuye kuthiwe banesithunywa. “Apha sithetha ngabantu abanonxibelelwano noMdali, abakwaziyo ukuma entabeni bathandaze kune imvula. Ngelishwa hayi wonke umntu unaso esi siphiwo. Isithunywa sesinye isigaba sobugqirha, xa umntu esenzelwa umsebenzi waso kuthiwa kukuphakanyiswa kwesithunywa. Akunyanzelekanga ubekanti ungumntu ohamba inkonzo ukuze ubekanti unesithunywa,” utshilo uNesi.

Emva kwako konke oku kukho isigaba ekuthiwa ngumgoduso, apho kuxhelwa inkomo kowenu ugoduswe njengegqirha eligqibeleleyo.

Ethetha ngentwaso, uNesi uthe: “Intwaso iqala ngeendlela ezingafaniyo. Mhlawumbi ubenesigulo esingakwazi kunyangeka ngokwesilungu. Mhlawumbi ubenentloko engapheliyo, ubenamagxa okanye umqolo.”

“Kwabanye ke uye ufumaniseke ukuba izinto zekhaya zisoloko zikulandela, ufumanise ukuba kufuneka wenze imicimbi engapheliyo. Abanye kufumaniseke ukuba banxila kakhulu. Zininzi kakhulu, abanye ufumanise ukuba basoloko bekhalaza ngemali ephelela ezandleni. Abanye bade bave izinto ezithetha ezindlebeni okanye omnye abenomvandedwa oxakileyo,” utshilo uNesi.

UNesi uthi into ebalulekileyo kukuba nethemba kwizihlwele xa uthwasayo, nanjengoko uhamba indlela ongayaziyo.