Yeyethu sonke iSABC, sithini ngayo?

Kukho into ekunzima ukuyikholelwa ncam ngeentsuku zocalucalulo kweli loMzantsi Afrika. Lo nto yinto yokuba uninzi labelungu bathi babengazi ukuba kwakukubi kangakanani kubantu abantsundu bakweli lizwe ngoko. Njani?

Kaloku urhulumente wengcinezelo yayinguye owayephethe iziko losasazo elaziwa njengeSABC kwaye besenza ngandlela zonke ukuba bangavezi izinto ezazisenziwa kubantu abantsundu. Kwakufuneka uzisenge kumaphephandaba namajelo osasazo abucala iindaba zokuba kuqhubeka ntoni kanye kanye eMzantsi Afrika.

Iziko lakwaSABC lelona likhulu kuwo onke apha eMzantsi Afrika, kumabonakude nakunomathotholo akho ndawo bangafikeleli kuyo. Le SABC yekawonke wonke, kwaye ubunokufunga uthi ingathi bayazama ukuba ubukhe wayithi tshe ingqonyela yapha enguMnu. Hlaudi Motsoeneng ezindabeni. UMotsoeneng kwezi veki siphuma kuzo ukhe wenza izibhengezo ezikhulu.

Umzekelo kumba wokudlala umculo waseMzantsi Afrika (90% womculo wabo) yayiyinto eyavuyelwa kakhulu ziimvumi zakweli. Nathi siliphepha sazivuyela ezi ndaba. Emva kweveki kungenwe kule nkqubo yomculo waseMzantsi Afrika kwavakala ukuba abasasazi bamajelo athile abonwabanga ngoba zange baxelelwe kwangethuba ukuba kuzakuza olu tshintsho emculweni. Yaba luphawu lokuqala lokuba abasebenzi baseSABC ingathi baphantsi kwengcinezelo ngoba abaxelelwa nto, kusuke kugqitywe pha phezulu kuthiwe mabenze qha.

Uphawu lesibini lathi gqi xa uMotsoeneng ebhengeza ukuba oonondaba baseSABC abazokuveza imifanekiso yabantu abaqhankqalazayo. Eli nyathelo lokungavezi abantu besilwela amalungelo abo kubuyise iinkumbulo zeentsuku zengcinezelo. Ingaba sibuyiselwa emva?

Singathanda ukuva izimvo zabafundi bephepha ngalo mba waseSABC. Liziko lethu bantu bavotayo eliya, kwaye kufuneka umxholo walo usekwe ngabemi beli nasepalamente. Sibhaleleni ku: isibhalo@inl.co.za