‘Yhini madoda umntwana wam!’

USANDILE Gawuzela waseBhaziya eMthatha uthe akube ekhululwe esibhedlele saseFrere eMonti, kulandela umonzakalo kwibhasi yakwaDMJ eNciba ngoMvulo, wangqala ngqo kwiimpahla zomfazi wakhe kwakunye nezomntwana wakhe ababhubhileyo.

Emva kokuthatha ixesha ephengulula kwezo mpahla, uye wema ixeshana ebonakala ukuba ubindekile.

Ngeli xesha akhangelayo, iimpahla zakhe bezisenegazi lengozi. Into aqale wayithetha, ngethuba ebalisela I’solezwe lesiXhosa, kukuba: “Yhoo! yhini na madoda umntwana wam. Ndithe ndimbamba umntwana wam kwabe sele kunzima. Xa ndikhwaza unina ngaphaya wabe sele engasasabeli.”

USandile Gawuzela waseBhaziya eMthatha, oswelekelwe yinkosikazi nonyana wakhe oneminyaka emibini kule ngozi. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UGawuzela ungomnye wabo bathe bagaxeleka kule ngozi esube imiphefumlo yabantu abangamashumi amathathu.

Noxa nje inkqubo yokufaniswa kwemizimba ithe yaqala kwimotshwari karhulumente eMonti ngoLwesibini, urhulumente waseMpuma Koloni, ngokomlomo kaUnathi Binqose wezothutho ephondweni, uthe ibingekafaniswa yonke imizimba.

Le bhasi isuke eKapa ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngeCawe, isingise kwiindawo eziliqela ezikuN2 waseMpuma Koloni.

Ukufika kwayo eQonce, ithathe abantu abebeza kukhwela uDMJ besiya eKapa yehla nabo yabasa eMonti, yaphuma eMonti isingise eGcuwa, kuba ibiza kubakhangelela ibhasi eza kusingisa kuKomani ngeliya eKapa. Abanye babo bantu abebekhwelele eQonce babhubhile.

UMphathiswa wezoThutho ephondweni, uWeziwe Tikana-Gxothiwe, uthi ukuthathwa kwabantu abebeseQonce basiwe eMonti endaweni yokusingisa eKapa, yinto ebaxelela ukuba le nkampani ibisazi ukuba inaye undonakele kwizithuthi zayo.

“Lo nto ithetha ukuba le nkampani (DMJ) ibiyazi ukuba enye ibhasi yabo ayilunganga, kodwa siza kulinda inkqubo yophando,” utshilo uTikana-Gxothiwe.

UGawuzela, oswelekelwe yinkosikazi nonyana wakhe oneminyaka emibini kule ngozi, uthe: “Sithe xa sikumajikojiko seva ukuba le bhasi ihamba ngesantya esiphezulu. Umqhubi uzamile ukuyibamba iziqhoboshi, wade wajika kabini eyizamazama. Uphulukene nolawulo lwayo xa kulapho, yatsho ngesithonga yabhukuqa.”

UViwe Ngombane waseMthatha ebengomnye wabo bebeyokufanisa umzimba kaUnathi Ngombane obhubhele kule ngozi.

“Umama ebebukele iindaba zangokuhlwa ngoMvulo kumabonakude, weva ukuba kukho ingozi yebhasi eyenzekileyo ze wafowunela lo mntu obehlala noUnathi eKapa. Ngenene kuye kwaqinisekiswa ukuba le bhasi ebekuyo u-Unathi yile ingene engozini.

“Siyile kwindawo yexhwayelo asamfumana, saya esibhedlele asamfumana de kube kanti siya kwimotshwari karhulumente apho simfumene khona,” kutsho uNgombane.

Umthombo othembekileyo wamapolisa udize ukuba, noxa nje uphando lusaqhuba, le ngozi ibangelwe kukungakhathali.

UThembisa Mkhohlwa, othethela iDMJ, uthi ukhuseleko lwabakhweli yinto ephambili kubo, watsho esithi le bhasi ibinesiqinisekiso sokuhamba endleleni esisesitsha.