Yhini Ramaphosa sikuthembile!

Sonke siyakhala, lo nto isuke yangathi iinyembezi zethu ziwela phantsi kulo umjikelo.

Ukungeniswa kukaCyril Ramaphosa njengomongameli welizwe, sonke sasicinga ingathi izinto ziza kubangcono, kodwa ndithe ndakujonga ndafumanisa ukuba intaba iyenyuka kwaye akukho kuphumla ngaphambili.

Ukuba uyakhumbula kakuhle uninzi lwethu lwalusithi makahle uJacob Zuma esihlalweni khona ukuze siphume kubukhoboka borhwaphilizo nokubanjwa kombuso ngobhongwana yila ntsapho yooGupta, yenzekile ke intando yethu kodwa ngoku ingathi inqatha linqumele emlonyeni, okanye ndim ndiyayibaxa?

Besikhe sancumancumeza apha ngexa uRamaphosa exhuzula imikhala yolawulo lwelizwe. Tyhini! sayibona la ngqekembe yeRandi isomelela ngakumbi, andisathethi ke ngokonyuka kwentembeko yabatyalizimali abavela ngaphandle, nexabiso ke lamafutha lakhe lasilalisa uboya. Yangathi kuthiwa kubemi beli, lala gusha ndikuchebe.

Bhidi-bhidi zajika zamuncu izinto kumntu wonke, sashiyeka sibuzana ukuba lo Ramaphosa ebesithi masimthume kanti ebethetha le mosharha sidyumpuza kuyo na?

Ukuqala kwam ukuqwalasela ukuba kuza konakala kumhla uMphathiswa wezoQoqosho neziMali kwintetha yakhe yoHlahlo Lwabiwomali lwalo nyaka ebhengeza ukuba iVAT, le nto kuthiwa yiValue Added Tax ngamakhumsha, iza kwenyuka ngepesenti enye; ithi lo nto iza kusuka kwishumi elinesine leepesenti iye kwishumi elinesihlanu. Ingangathi yimali encinci le kodwa akunjalo.

Mamela kaloku, yonke into oyithengayo ixabiso layo lihlonywe elishumi elinesihlanu leVAT, ithi lo nto ukuba uthenga ukutya, yonke into ekulongobozi yakho ixabiso layo linochatha wepesenti enye. Imiphumela yesi sibhengezo yenza ukuba kunyuke amaxabiso ezinto zonke ezithengiswa ngokwasemthethweni apha eMzantsi Afrika.

Sithe sisangxola sithukisa ukuba unokusenza njani into enje uSilili wethu, savaswa ngomtyangampo wolonyuko lwexabiso lamafutha.

Tsi! Amazwi aphela emqaleni ke ngoku kuba elowo nalowo ebeme nematha empompeni xa kufuneka ebhatele amafutha enqwelo yakhe. Ndinayo indawana ethi masimophulele uRamaphosa kuba akazange angasihoyi xa esiva isikhalo sabantu bakhe, kodwa impendulo yakhe kulo mba ayizange ize nasiqabu.

UMongameli wasuka wathi xa ebuzwa ngalo mba ucela sinyamezele akuzokuba nje oko, ichiza liyeza, yathi ke inkukhu ingekalili nakathathu laphinda lanyuswa ixabiso lamafutha. Yhini Ramaphosa sikuthembile nje!

Sondela ke ndikukrobise ngokukhawuleza ukuba kutheni amaxabiso amafutha ephakame kangaka kweli lakowethu.

Urhulumente owayelawula ngoo1970 weza nento ekuthiwa xa ikhunyushwa yi-fuel levy. Lo mlevi yimali eyongezelelwayo ngaphezu kwexabiso lamafutha ebhatalwa njengerhafu ngabavelisi bamafutha nabathengi bawo.

Masibaleke ke size ku2018, ndithetha nawe nje lo mlevi ngoku yiR5.30 kwilitha nganye yamafutha.

Lo nto ithetha ukuthi eneneni ixabiso lelitha nganye yamafutha eenqwelo iphaya koo R10.70. Siyaphela ngulo mlevi. Lo mlevi ke nguye yedwa ofaka imali kula ngxowa yeengozi zendlela (Road Accident Fund) nekuxhamla kuyo amaxhoba amaninzi eengozi zendlela kunye nabantu abajonge kubo ngesondlo. Ewe yona iluncedo, kodwa noko mayikhe ithothiswe siyaphela ezimpompeni.

Into endiyithandayo yile yokuba esi sikhalo sethu sisenze samanyana njengesizwe, kulila omhlophe nomnyama ngamxhelo umnye.

Nangoku silinde isisombululo kwiNdlu yoWisomthetho ukuba lithini ichiza, sinithumile bafondini zibonakaliseni.