Yhu! USASSA waseZwide!

Molweni, ndithanda ukuthetha ngoSASSA oseZwide. Kule nyanga iphelileyo apha ezivekini ndafika ngo-05h30 kuvulwa ngo-07h00 kusasa.

Kwavulwa ke ngo-7, sangena eyadini ngo-07h30, sangena ngaphakathi sahlala asahoywa, sahoywa emva ko-11, baphinda bayeka ukusebenza bathi konakele iikhompyutha. Sazokuhoywa emva ko-14h00 asagqitywa, sajikiswa, sabuya ngosuku olulandelayo, kwathiwa masijike kwakhona, bemka abantu, sashiyeka thina bantu bayizolo, bathi bazakusebenza isibhozo sabantu qha, abanye bajike, sahlala asahamba sasetyenzwa emva ko-14h00.

Bahlali akusetyenzwa kula SASSA useVeeplaas tuuu! Ndicela kwabasemagunyeni bakhe bayokujonga imeko yapha! Igranti yomntwana ndiyenze iintsuku ezintathu!

-Okhathazekileyo, eZwide