Yibhokhwe njani tata?

Sihleli kowethu sibukele amakhwenkwe ekhupha impahla emfutshane esibayeni, ukuze ikhatshelwe iye emadlelweni, kanti sele ikho nemizi ecelileyo ukuba iziswe kwiintsimi zayo, ukuze ibhuqise emadizeni, ingayekanga ukuzifikisela engceni nakumagqabi emithi yeepesika, eyekwepile, eyomnquma, kweyomsenge naphaya esingeni phesheya komlambo.

Aphumile amakhwenkwe nemfuyo leyo kohlulelwana, amane athe dlundlu aqhuba iinkomo emva kokubhuqisa kwazo, azisa eKampini phesheya kwelali iKhubusi, nganeno koZidenge kule ndlela isuka kuKomani iya eQonce.

Amabini akhetha ukuhamba neegusha kusiyiwa ngakwinyele laloo mlambo weCumakala udume ngokungatshi namhla libalele.

Amabini awele umlambo kuSqongqotha, indawo enamatye, ekhaphela iibhokhwe, kusiyiwa nazo phezu komlambo, apho kuthe thande khona loo mithi imagqabi athandwa kunene ziibhokhwe, umsenge, umnga neminye eliqela.

Kwalile xa ebuya amakhwenkwe emva kokwalusa, ndakrwecelwa bucala ngaba bam ndisuka nabo eKapa, ukuze baze kuchitha iiholide zesikolo ekhaya, kuba kaloku ngokubaqhelisa impilo yemveli yasezilalini, kukubenza bangazithandabuzi ukuba bangoobani kwaye nobuntu babo babazi ncakasana, ukuze batshile ngabo ezizweni.

Ekundikrweceni kwabo kubekho mbuzo uthile undenze ndarhawuzelelwa yintlonze. Oku kurhawuzelelwa kubangwe kukungakholwa ngulo mbuzo waba bantwana, ingakumbi ubuzwa ngabantwana abafunda kwizikolo zasedolophini ezinabantwana abasuka kwiintlanga ezahlukeneyo.

Kaloku kwezi zikolo akugxilwa kulwimi nakwinkcubeko enye, koko kuqukwa ezo zabo bonke abantwana abasesikolweni. Kungoko ke iluxanduva lomzali ngamnye ukuba athi xa ebuya kwisikolo esikumila kunje umntwana, amhlalise phantsi amfundise banzi ngolwimi lwakhe, ngobuntu bakhe nangemveli yakhe.

Ukuba ke umzali ebenakho ukukhetha, abantwana bebeya kufunda kwisikolo sabantu bakowabo, nto nje ezidolophini umntwana wamkelwa kwisikolo sendawo ahlala kufuphi kuyo kuphela, ngaphandle kwezi zabucala, nendingasoze ndizikhuthaze kumntwana womz`ontsundu, ngezizathu ezizezam nanjengamntu osebenze kakuhlu kuzo, ndade ndazazi ngokugqibeleleyo.

Asikho apho ke, sikumbuzo ochubekileyo wabantwana. Ezi ntsana zamaNgwevu, * -Avile, * -Ongezwa, uMaphelo, uLilitha, * -Anqobile noKhazimla, bafika besithi, “tata, malume, tatomkhulu (kuba besihleli ngolo hlobo namawethu la), ngoku sisedlelweni siyaphikisana xa kufikelela apha kwesi silwanyana siyibhokhwe.

Inkomo iyavakala, igusha iyavakala, inkuku neyintaka yekhaya iyavakala, kodwa siyabhideka xa kufikelela kweli gama lebhokhwe.

Umbuzo wethu ngowokuba kutheni zonke ezinye ezi izilwanyana zinamagama esiXhosa, ukuze ibhokhwe yona ibe negama elivakala ngathi lele-Afrikansi, kuba esikolweni kuthiwa ibhokhwe yi-bok ngokolwimi lwe-Afrikansi?

Amanye la amagama ohluke kakhulu kumagama ezo zilwanyana ngokweelimi zasemzini, kodwa ibhokhwe yona isondele kwigama lasemzini. Kwenzeka njani oku tata kodwa wawusibalisele ukuba ibhokhwe sesona silwanyana siyintsika yesiko kwaXhosa?”

Singabhungisanga namawethu, sisuke sayana ngamehlo, asazinza kwibhanka esasichophe kuyo ngasebuhlanti, phantsi komthi wekhiwane. Ndacela kutatomkhulu wabo ahlomle, wala, suka wahleka wanikina intloko.

Ndijonge kumalume wabo, naye wancuma, wathi s’bali, ibiqalwe nguwe le nto kula mabali uwabalisela abantwana, yifeze uyigqibezele ngokwakho ke nto yakuthi.

Ngoko nangoko nditsho ngomdla omkhulu, ndisithi ngena xam uwaqhelile amanzi. Amazwi am abe mafutshane, ukuze acace gca okomva webhokhwe, gxebe okomva wembuzi inyuka iqhina.

Ndithe kubo, MaNgwevu amahle, nichane ucwethe ngotolo bantwana bam xa nisithi ibhokhwe sisilo esixabiseke kakhulu nesiyintsika yesiko kwaNtu.

Nikwathetha inyaniso emsulwa xa nisithi igama elithi “bhokhwe” lisondele kwaye libolekwe laze lasetyenziswa njengegama lemveli lesiXhosa, nangani lisuka kwigama lasemzini * -bok. Oku kubangelwa kukuba thina singabantu abakwaziyo ukuhlalisana kakuhle nabanye abantu, kangangokuba xa sibabona benzinyelwa sisigama sethu, sibenzela lula siboleke kolwabo.

Oku ke kwenzeka nangona bona bengafane babe nomdla wokuboleka okanye wokusebenzisa okwethu. Nokuba kunjalo ke, thina singabantu, kwaye sihlala sigunyazisa ubuntu.

Ibhokhwe bantwana bam asilogama lethu lemveli, njengamaZulu, amaSwazi namaNdebele, esi silwanyana sasisakusibiza ngokuba yimbuzi.

Yimbuzi ke kuba nantoni na exake umzi, kuthi ukuze kulunge kuthathwe esi silwanyana, kuphalazwe igazi, kubuzwe ngegazi laso malunga naloo ngxaki kwanesisombululo sayo.

Yimbeleko, yintshayelelo yezisusa ezikhulu, ngutsiki, ngumngcamo, kuzo zonke ezo zibakala zesiko kusetyenziswa imbuzi. Ukusukela namhlanje ke maNgwevu bantwana bam, mna nani kunye nabo bagxeleshe ibuyambo, masithi yimbuzi esi silwanyana! Ngoko nangoko banqwale ngoncumo, batsho ngamxhelo-mnye, “O-o-oh yimbuzi tata!”

Xa ndigqiba kubacacisela ndibona ukuba bakholiwe, ndithe rhutyu incwadi kabawo uWelile Shasha ethi “Zihlabana nje ziyalamba”, ndafunda ndenjenje:

Ibhokhwe yimpilo Ath`amagqirha chosi, sitsho sithi camagwini, Sithetha ngeminyanya ngesikhalo negazi, Sikhalo sesilwanyana bathi sesokungxengxeza, Ibhokhwe yinkom`enkulu kwabakhulu bomthonyama!