Yifa nemali yakho, neyabanye!

Mandulo ukungcwaba umntu obhubhileyo kwakungezondleko. Kwakusithi ukuba kuse umntu ebhubhile, kukhutshwe izijoli ngonyezi zimbike, ze xa kujika ilanga laloo ntsasa angcwatywe.

Ukuba ubhubha emini, lalisithi litshona ilanga kube kubikwe kangangoko, angcwatywe ngentsasa elandelayo. Abakude babesiza ngokuzakubeka ilitye. Lwalungekho uqhaqho lwezidumbu nokubhaliswa kokufa kwanontsumpa nemizi yokugcina izidumbu.

Isidumbu sasingafakwa bhokisini. Kwakuxhelwa inkomo kuthathwe ufele siphuthelwe ngalo. Ongenankomo wayephuthelwa nangantoni na enokufumaneka, ingaziinkukho okanye iimfele ezisebenzayo. Indawo yofele yathathwa yingubo, ukufika kwabelungu nezinto ezenziwa ngomqhaphu newulu. Kwakudliwa iinkobe nenyama yento ekusetyenziswe ufele lwayo, xa ikhona. Sasithwalwa ngamanqwanqwa isidumbu ukusinga emangcwabeni.

Iindleko ekungenwa kuzo ukungcwaba umntu obhubhileyo zingaphaya kokuqonda kule mihla, kunjalo nje zinyuka umhla nezolo njengoko abantu bethe gqolo ukuyihombisa imingcwabo. Inkinkqa inyusa udonga. Ukuba akuxhelwanga kuthiwa akungcwabanga. Iibhokisi zokungcwaba namatye ezikhumbuzo abafileyo neminyobo yeenqwelo zokulayisha izidumbu kwakunye nezithobi-bhokisi ziyaxabisa. Isidumbu sigcinwa kumzi wokugcina izidumbu iiveki ezimbini ukuya kwezine, ngeendleko. Umzi ongathathi ntweni ukhwathaza kwa tiki onayo nenokufumaneka, enze amalungiselelo okungcwaba. Ezilokishini kuthengiswa nendlu yesibonelelo sikarhulumente namatyotyombe ukuqokelela imali yokungcwaba oyimpulakalujaca.

Ngeempe-laveki abasebenzi kwimizi yokugcina izidumbu ufika bemaxhaphetshu behamba ngezantya ngathi ngabasebenzi basemgodini abaqala itshifu yabo. NgoLwesihlanu ziba yimiqodi iinqwelo-mafutha ezithwele izidumbu nabantu abaya emingcwabeni jikelele kweli loMzantsi Afrika, bambi babulawe kwazezo nqwelo bengafikanga nakuloo mingcwabo. Phantse wonke umntu usembuthweni kamasingcwabane, uqwebela umngcwabo. Ongenambutho ngumkanja! Ungangabi nazo iimali ozityalileyo ulungiselela ingomso; ungangabi nayo nemali oyigcinele ukufundisa abantwana bakho; ungangabi nayo nemali oyigcinele umhlala-phantsi. Kodwa ukungabi nambutho kamasingcwabane yeyona nto imbi nexakekisayo kubantu esingabo.

Iintengiso zikamasingcwabane zicaca ngokuthe gca ukuba zenzelwa thina Bantu. Unangoku ke uninzi lwazo lukula majelo abukelwa naphulwaphulwa sithi Bantu. Kulawa eentlanga amajelo zinqabe okwepolisa lekula, ziyanqaphazeka, ezikhoyo kuwo zezotyalo-mali kulungiselelwa ingomso nabantwana.

Ndiyamangala ke ukuba kungani na ukuba kube nje kuthi. Yeyani na le nkcitho ingaka yenziwa ngenxa yabafileyo? Kungani ukuba kubekho abaxakwa kukungcwaba ngenxa yokungabi namali yamalungiselelo obunewunewu bomngcwabo?

Kungani na ukuba kude kuvulwe iingxowa-mali zokucela amalizo okungcwaba oonontsizana? Kanti ukungcwaba oku asikokugquma ofileyo ngomhlaba na ukuba asitheliswe emehlweni abaphilileyo ngeli xa abuyela emvelini yakhe (ebola aphele emhlabeni)?

Kanti sabangaBantu abanjani, le nto sityala kumqwebedu nenkqantosi yomhlaba kule mihla? Kubuya kuvele ntoni na engcwabeni engasincedayo? Ibhokisi yexabiso igqunywa ngomhlaba ibole phantsi nesidimbu, ngokufanayo nethengelayo. Ilitye lesikhumbuzo sofileyo lexabiso libethwa ngamaqhwa linyelwe ziintaka ngokufanayo nelitye elingumqondiso wengcwaba lesiqhelo. Kanti iphi inzuzo yomngcwabo wexabiso?

Bambi izidumbu bayaziqhusheka ngokunga baza kubuya bazirhole. Ingcwaba bayalakha phantsi komhlaba ibhokisi ingadibani nomhlaba. Mhla kungeemvula ezinkulu niseza kuhamba nizichola zisimka namanzi ezo zidumbu niziqwayite phantsi komhlaba, njengokuba ningangcwabi nje.

Ukushiywa komzi uze mhlawumbi kuthengiswe indawo yokuhlala kuba kufunwa imali yokungcwaba ofileyo ayisosigqibo sichubekileyo. Ukuba asinakuyiyeka ke le ngoma siyivumayo, sale nale ntombi isiqhwabelayo, sitshintshe nokunyathela, siseza kuyicela ivuthiwe.

Makuqale oongxowa-nkulu ke balahle lo mkhwa mbi wemingcwabo yexabiso ingenambuyekezo. Sikule nyula sikuyo nje ngabo, kubonelwa kubo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba