Ngokubhalwa nguNtombi Nkosi
Umzukulwana kaTata uNelson Mandela uMandla Mandela umemelele usapho lwakhe noluntu ngokubanzi ukuba luvumele umzala wakhe uZoleka Mandela ukuba aphumle ngoxolo.
Oku kwenzeka nangona engakhange ayihloniphe iminqweno kaZoleka yokugqibela. Phambi kokuba uZoleka abhubhe wabhala uluhlu lwabantu awayengafuni ukuba baye emngcwabeni wakhe kwaye uMandla wayekuluhlu. UMandla waya emngcwabeni kaZoleka kwaye wavakalisa intlungu ngokubhubha kwakhe.
UZoleka ubhubhe ngoMvulo weveki ephelileyo emva kwedabi elide nomhlaza, waze wangcwatywa ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.
Kwinto ebekufanele ukuba yindlela yokuvalelisa ngesidima, kuye kwaba nguqhusa, into ethethisayo njengoko umzimba kaZoleka kwafuneka ukuba ugrunjwe kwingcwaba lakhe ukhutshwe.
Akazange angcwatywe ecaleni kuka makhulu wakhe uMama uWinnie Madikizela-Mandela eFourways Memorial Park njengoko bekuchaziwe ekuqaleni.
Oku kusemva kokuba umakazi wakhe, uZenani Mandela efumene umyalelo wenkundla wokunqanda uZoleka ekubeni angcwatyelwe kumhlaba wakwaMandela.
Amapolisa afika kwindawo yexhwayelo ukuze anyanzelise lomyalelo wenkundla.
Abantu bangene kumakhasi onxibelelwano, bahlasela uZenani ngenxa yokungavumeli ukuba uZoleka abekwe ecaleni kwabo abathandayo. UZenani uye wayucwa ngabantu kulamakhasi onxibelelwano kusithiwa “ungcolile” ngezi zenzo.
Nangona kunjalo, abanye bamthethelela uZenani, besithi izenzo zakhe bezifanelekile.
Ngokweengxelo, umakazi wakhe uZenani kunye nowayesakuba ngumyeni kaZoleka uThierry Bashala bathumela umyalelo wenkundla kusapho oyalela ukuba uZoleka angcwatyelwe kwenye indawo hayi kumhlaba okungcwatyelwa kuwo usapho lakwaMandela.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile