YiKumkani yamaMpondo uZanozuko Sigcau

Emva kwedabi elide, uKumkani uZanozuko Tyelovuyo Sigcau ethethelela ubukumkani bakhe, inkundla yezibheno eBloemfontein ingqinile ukuba nguye iKumkani efanelekileyo yamaMpondo jikelele.

Le nkundla kwiveki ephelileyo ilifikelelise esiphelweni eli dabi eliqale ngonyaka ka2010 nalapho uMpondombini Sigcau wathi wabhena kwisigqibo sokuba le Kumkani inikwe ingubo yobuKumkani.

UMongameli weli uJacob Zuma wagunyazisa ukuba uZanozuko anikwe isiqinisekiso sobuKumkani bakhe emva kwengxelo yekomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapo. UNhlapo wakhupha ingxelo yokuba nguZanozuko ofanelekileyo ukuba abeyiKumkani yamaMpondo jikelele.

Le komishini yamiselwa ngumongameli uThabo Mbeki ngeenjongo zokukhangela iiNkosi neeKumkani ezisemthethweni kwanezo zingekho mthethweni.

UZanozuko uzalwa kwindlu enkulu kaKumkani uFaku ozala uMqikela, ozala uSigcau ozala uMarhelane, ozala uMandlonke ozala uZwelidumile onguyisemkhulu kaZanozuko.

Oku kubangele iyantlukwana enzulu kwisizwe samaMpondo ukusukela oko kwathi kwaphuma iziphumo zekomishini naNhlapo ziqinisekisa ukuba nguZanozuko yiKumkani esemthethweni.

Umbutho wesizwe samaMpondo obizwa ngokuba yiMbumba yamaMpondo ekuqaleni kwalo nyaka uqale idabi elinyanzelisa urhulumente ukuba akhulule le Kumkani yenze umsebenzi wayo.

Othethe egameni lekomkhulu lamaMpondo eNdimakude eSiphaqeni uNkosi uVuyani Sigcau uthi balungiselela ukubeka iKumkani yamaMpondo.

“Ngomhla wamashumi amabini ananye kweyeKhala sizakube sixelela isizwe malunga nesisigqibo senkundla, ukuze kamva sithethe ngamalungiselelo okubekwa kweKumkani yethu,” uthethe oko uSigcau.

Ukanti okhokele idabi lokuphikisa ubuKumkani bukaZanozuko Sigcau uWezizwe oyintombi kaNkosi uMpondombini Sigcau akafumanekanga ukwenza ilizwi egameni lecala lakhe. Zikho iingxelo zokuba eli cala liphikisayo liceba ukufaka isikhalazo salo kwinkundla yomgaqo-siseko; liphikisa esi sigqibo senkundla ephakamileyo yezibheno.

“Ngurhulumente wobandlululo owayethathe ubuKumkani bethu wabunika abantu abangafanelekanga ngoku kuvela inyaniso eyayicinezelwe zizifundiswa ezazixhaswa ngabelungu,” uthethe watsho uSigcau.