Yilumkele oyifaka kumnatha

Makhe sizame ukucinga ngexesha apho kwakungekho Facebook, Twitter, Instagram neembalelwano zombane kumnatha wonxibelelwano. Kwakunjani ngoko? Xa wawufuna ukubhalela iphepha kwakufuneka uthumele isibhalo sakho ngeleta eposini. Xa kukho into ekutyayo okanye ekucaphukisayo wawuye uyincokole nezihlobo okanye nosapho.

Impucuko yobuxhakaxhaka bomnatha ivule amasango amatsha apho abantu bakwaziyo ukunxibelelana neendidi zabantu; bakhe ubuhlobo nabantu abangazange khe badibana nabo. Ngokusiya kusanda kwelo nani lezihlobo ezikumnatha kuye kuphele kwa nto efana nesithukuthezi. Ngena nje kwifowuni yakho uchwethechwetheze umyalezo okanye wenze isibhengezo sikawonke-wonke ngendlela oziva ngayo okanye obona ngayo izinto.

Umzekelo nanko uMatt Theunissen oseKapa echwethechwetheza umsindo wakhe kuFacebook ekuqaleni kwale veki. Unkabi uvutha ngumsindo sisigqibo sikampathiswa wezemidlalo, uFikile Mbalula, sokuba kunqunyanyiswe iindebe zikazwelonke kumaqela aseMzantsi angekayichani inguqu ngokobuhlanga.

Hayi ke okaTheunissen woneka isibhengezo sokuba yena uqinisekile ukuba urhulumente waseMzantsi Afrika uphethwe ngookhafula, mabahambe bayokuzijula pha kude abantu abantsundu bakweli loMzantsi Afrika; batshabalalisa ezemidlalo. Ngelakhe ebecinga ukuba uthetha nezihlobo zakhe kanti ubethe phantsi, izimvo zakhe zithathwe zayokonekwa kwamanye amaqonga omnatha, egxekwa kanobom kusithiwa unobuhlanga. Ubuyile unkabi sele ecela uxolo. Sakukhumbula napha ekuqaleni konyaka, ooPenny Sparrow abathuka abantsundu kwakuFacebook. Nezinye iziganeko. Bambi baye bagxothwe nangabaqeshi babo kusakuvela ezi zinto bazibhala kumnatha.

Umntu kufuneka acinge kabini ngezinto azifaka kumnatha wonxibelelwano; ungaphelisa ubuhlobo, ucithe usapho, uphelelwe nangumsebenzi ngenxa yomsindo owuphalaze kumnatha wonxibelelwano. Ngcono uncokole nosapho okanye uthumele izimvo zakho kwiphepha elifana neli lethu sikudibanise nabantu abanokuphendula okanye niqale ingxoxo-mpikiswano ephepheni.