Umbutho wolutsha ongenanto yakwenza norhulumente iDantonetix uyaqhuba nephulo lokukhwebula ulutsha, ingakumbi olo lufunda eyunivesithi, kumbandela wokusebenzisa gwenxa utywala.
Eli phulo, nelaziwa njengeAAAC (Anti-Alcohol Abuse Campaign), liyaqhuba kwiiyunivesithi ezine zaseMpuma Koloni – iWSU, iFort Hare, NMU neRhodes.
AbakwaDantonetix bathi bagqibe ngelokuqhuba eli phulo kulandela ukuqaphela iingxaki ezithi zijongane nabafundi baseyunivesithi.
“Abantu abatsha eyunivesithi bazibandakanya notywala nto leyo ethi ibeneziphumo ezikrakra ezifana nokukhulelwa okungacwangciswanga, ukuxhatshazwa ngezesondo, udlwengulo, ulwaphulomthetho kwanezidumbu.
Okuyinene kukuba uninzi lwabantu abatsha, ingakumbi ababhinqileyo, bazibeka emngciphekweni lonke nje ixesha bebamba isiselo esinxilisayo,” utshilo lo mbutho kwimbalelwano.
“Njengokuba iyinto ebonakala intle ukuphuma nabahlobo niyokusela utywala, inyaniso yeyokuba abantu abatsha baye bathabatheke yindawo leyo bafike kuselwa kuyo nto leyo ingunozala wokusela ngokungaphaya kweqondo,” utsho lo mbutho.
Ingxaki iqala xa ubani esele utywala ngokungaphaya kweqondo, ze emva koko enze izinto ezinokubaneziphumo ezikrakra ebomini bakhe.
Phantse zonke iiyunivesithi zeli phondo, kwanezo zelizwe liphela, zithe gqolo ukubika iziganeko zodlwengulo nokubulalana kwabafundi ngenxa yotywala.
EFort Hare, ngoTshazimpuzi kulo nyaka, kwadlwengulwa umfundi ngomnye emva kokuba babezonwabisa ngotywala.
ERhodes naseNMU kukhe kwabikwa izehlo zodlwengulo lwabafundi, kwiintshukumo ezithe zakhatshwa naluqhankqalazo.
Ukanti ngoCanzibe nyakenye, kwabulawa umfundi wezifundo zobugqirha uLwando Mantshontsho, kulandela ingxabano ekukholeleka ukuba yayiphenjelelwe butywala kwikhampasi iNelson Mandela Drive eWSU eMthatha.
Eli phulo, iAAAC nelikhokelisa usaziwayo uChumani Pan kwanoGqirha uMthandeki Xamlashe, lijolise ekuxhobiseni abafundi baseyunivesithi ngolwazi olunokuthi lubancede ukuze bazikhwebule kumkhwa wokusebenzisa gwenxa utywala.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma