Yimibhiyozo yoSuku lweHlabathi looTitshala!

Isebe lemfundo eMpuma Koloni lingenelele kwimibhiyozo yehlabathi ye-International Teachers Day ejoliswe ukunika imbeko kubafundisi-ntsapho kwihlabathi ngokubanzi.


Othethela eli sebe uMalibongwe Mtima,  uqinisekise ukuba umphathiswa wela  sebe eMpuma Koloni uMandla Makhuphula,  uqhube le mibhiyozo ukusukela ngentsimbi yethoba ngale ntsasa kwidolophu yaseGcuwa. 


“Umxholo wale mibhiyozo kulo nyaka kukuqwalasela indima katishala kwinkqubo yokukhulisa umntwana imihla ngemihla,” uthethe watsho uMtima. 


Imiceli-mngeni abadibana nayo ootishala equka indlela yokuziphatha kwabafundi neengxaki zamakhaya abaphuma kuwo abafundi.

 

“Injongo yethu kukubakhuthaza ootitshala kumsebenzi wabo wemihla ngemihla ukuze bakwazi ukuwenza lo msebenzi ngaphandle kwengxaki, nabo baphuma kumakhaya anengxaki ngoko kufuneka sibakhuthaze,” ucacise watsho uMtima. 


Uthi ootishala banikwe ithuba lokuba benze uvavanyo lwezifo ezifana neswekile, HIV, isifo sephepha nezinye izifo ezisentlalweni. 


“Impilo katishala ibaluleke kakhulu kumsebenzi esiwenzayo silisebe,  kungoko sihlala siqinisekisa ukuba baphilile ukuze badlale indima yabo ngaphandle kwengxaki kwinkqubo yokufunda nokufundisa,” utsho uMtima. 


Imibutho elithoba yootishala imele ootishala abaphuma kwiimbombo zone zeMpuma Koloni ukuza kubakhuthaza kumsebenzi wokukhulisa abantwana ngokubanika ulwazi.

 

Kubanjwa ootishala okanye bagxothwe emsebenzini mihla le eMzantsi Afrika ngenxa yengxaki ezithi zivele phakathi kwabo nabafundi, enye kuzo ikukubethwa kwabantwana besikolo ngootitshala.


 IUNESCO yamisela umhla wesihlanu kule nyanga ukusukela ngonyaka ka1994 ukuba ibengumhla wokukhumbula indima edlalwa ngootishala entlalweni.