Amawonga weSABC Crown Gospel Music kulo nyaka azakube ebhiyozela ishumi leminyaka kususela oko asekwayo.
NgoLwesihlanu, umhla we-24 kwinyanga yeNkanga, kuzakube kuqala i-2nd Christian Expo Africa eDurban ICC.
Lo mboniso kulindeleke usindleke imiboniso yobuKrestu – equka uncwadi, umculo, iiDVDs, iimpahla nokuninzi.
Umsitho wamawonga walo nyaka uza kuqhubeka iintsuku ezimbini ukuqala ngowe-25 ukuya kwi-26 kweyeNkanga 2017 ngqo kwiSABC 2.
“Amawonga alo nyaka azakube eseDurban ICC Arena ngomhla we-25 ukuya kwi-26 kweyeNkanga 2017, kodwa simema wonke ubani azilungiselele imisitho yemibhiyozo eqala ngoLwesine we-23 kweyeNkanga 2017. IWorld Gospel Powerhouse izakube ibambe inkonzo, umsitho osezingeni eliphezulu ozakube uneendwendwe zeli nezehlabathi jikelele,” kutsho umsunguli wala mawonga uZanele Mbokazi.
Amawonga wee-Crowns asungulwa kwiminyaka elishumi eyadlulayo.
Iinkcukacha ngobume be-SABC Crown Awards:
25 ne-26 eyeNkanga 2017: Christian Expo Africa
25 eyeNkanga: Crown Awards Night
26 eyeNkanga: Main Crown Awards Night kwi-SABC 2
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo