Yiminyaka ilishumi ehlala emotweni

UBhistoli Mbelani ohleli emotweni iminyaka elishumi, eMambabaleni eZingqayi eGcuwa IMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

INTSOKOLO nokonqena ukusokolisa izihlobo zakhe, yabangela uBhistoli Mbelani ukuba ajike imoto yakhe endala ibeyindlu yakhe yokulala nokuhlala.

Lo mbono ungaqhelekanga ukwilali yaseMambabaleni eZingqayi eGcuwa. UMbelani (60) ulichaza libeyintlungu ibali lakhe lokuhlala kule Chevrolet C/10 awayeyithenge ngethuba wayesebenza eRhawutini kwiminyaka yoo1990.

Kule moto, uMbelani ulala ngaphambili ze umva wemoto awusebenzisele ukugcina iimpahla zakhe. Apho alala khona, kumphambili wemoto, kugcwele izitya, iswekile, ityuwa, imigubo, imifuno kwaneemagi zokuphunga.

Iingubo zikaMbelani zokulala zimbini, akanawo umqamelo. Xa efuna ukukhanyisa usebenzisa ikhandlela ze aphinde alicime phambi kokuqweba ubuthongo.

Ngethuba lokupheka, upheka ngembiza yesiXhosa phambi kwale moto ze xa egqibile angene emotweni atye. Nokuphunga kunjalo, uvuka abeke amanzi phambi kwemoto yakhe emva koko angene emotweni aphunge.

Xa ehlamba ubuso, ukwenza oko ngaphakathi emotweni, logama xa efuna ukuhlamba umzimba wonke aye avuke ekuseni ngezithuba zentsimbi yesine neyesihlanu ahlambe umzimba ngaphandle, kuba esithi wonqena ukubonwa ngamakhosikazi.

Ngeemini zokuna kwemvula, uMbelani uthi uyachaneka kuba noko sele indala imoto. Nasebusika kunjalo, ingqele izenzela kuye.

I’solezwe lityelele uMbelani kule moto yakhe, gxebe kulo mzi wakhe. Sifike emini emaqanda elungiselela ukuphunga, epheke amanzi ngembiza yesiXhosa phambi kwemoto. Uthi elala, futhi ehlala emotweni nje kukuba indlu yakhe yemka ngenxa yenkanyamba kwiminyaka elishumi edlulileyo. Ukusukela ngoko zange abenamali yaneleyo yokuyilungisa.

“Ndathatha isigqibo sokuba ndihlale kule moto yam indala kuba ndingafuni kusokolisa izihlobo ngokuhamba ndicela indawo yokuhlala. Abantu kule mihla abasenamdla wokwamkela izihlobo, andibasoli ke kodwa. Nam andifuni kuba ngumthwalo ebantwini,” utsho uMbelani.

UMbelani uthi abantu bezopolitiko abagaya inkxaso bakhe bamfikela bathembisa ngokutshintsha ubomi bakhe, kanti bathetha amampunge. “Mna ndiziphilela ngemifuno endiyilimayo egadini. Ndiyalima nditye, ndiphinde ndithengisele abahlali,” kutsho uMbelani.

Uthi zange wadibana nezehlo zolwaphulo-mthetho ukusukela oko walala kule moto.

Umhlali waseMambabaleni uJongumzi Makapela, uthi uyayazi imeko kaMbelani.

“Sizamile ukumdibanisa nomasipala waseMnquma lo tata, zange afumane uncedo. Sicela urhulumente wephondo nokazwelonke angenelele kwimeko yalo tata. Noko akufanelanga ukuba kusekho abantu abahlala kwiimoto ezindala kuba bengenazindlu,” utshilo uMakapela.

Uceba weCongress of the People eMnquma uMbasa Ntongana, okhe wanguSodolophu eMnquma ngethuba wayesephantsi kweANC, uthe: “Into esiyifunayo kukuba ancedakale lo tata. Le nto ayinanto yakuzuza manqaku ezopolitiko, ngaphandle kokuzama ukunceda lo tata kule meko imbi ahlala kuyo.”

Isithethi sesebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha uthi isebe lizakwenza iinzame zokunceda lo tata.

“Imeko yalo tata [Mbelani] ilula xa enalo nenxiwa. Sinayo inkqubo yokwakha izindlu, sisakhela uluntu oludandathekileyo okanye olukwimfuno emandla.

“Sibongoza iinkokeli zeenkonzo, iinkosi noosomashishini ukuba bangonqeni ukuxelela amaziko karhulumente xa bebona iimeko ezifana nale yalo tata,” kutsho uSicwetsha.