Yiminyaka mibini engatsibi ziko onomfazi othwasayo

Sele ingena kunyaka wesibini indoda yaseBhalasi eQonce ingasalitsibi iziko kuba unkosikazi wayo esithi usekuqeqesho lokuthwasa.

Le ndoda, nenamashumi amahlanu (50) eminyaka ubudala, ithi noko ngoku sele kwanele kuba lide eli thuba ilindile.

Uthi kudala enyamezele ethobele imithetho yenkosikazi yayo athi yayinikwa ligqirha layo, eyokuba njengokuba ethwasa angakhe abelane ngesondo de agqibe lo msebenzi wokuqeqeshelwa ukuba ligqirha.

Le ndoda ithi ibhenele kwiphephandaba I’solezwe nje kungokuba ifuna iimpendulo ngalo mceli-mngeni ijongene nawo.

“Unkosikazi wam uqale ukuya egqirheni elimthwasisayo kwilali yaseNyatyhorha kwaseQonce ngo2016 njengokuba nakulo uphelayo unyaka esaqeqeshwa nje. Ndanyamezela kuba ndimthanda, kwaye ndifuna nokuba aphile,” kutsho le ndoda.

Ithi kudala noko ilindile ngoku, iyohlulakala. “Kodwa ngoku ndiyoyisakala, lide eli thuba, ndiqinisekile ukuba ayikho enye indoda enakuze iyinyamezele lo nto inomfazi,” kutsho le ndoda.

Le ndoda ithi izamile nayo ukubisa ngaphandle emtshatweni kuba isithi ifuna ukuzanelisa kodwa yaphinda yoyika kuba isithi ukunganyaniseki asiyonto iyiqhelileyo.

Ikwathi yoyikisele nobomi bayo kwizifo eziza ngokwabelana ngesondo. Le ndoda ithi izamile ukuzenzela uphando kudadobawo wayo onolwazi ngezinto zesiNtu, ze yaxelelwa ukuba ayikho leyo into “inokuba ulalwa yimpundulu loo nkosikazi wakho.”

ULulama Mpahla we-Ithongo Institute, owaziwa ngelikaMphilisi ekwangumhlalutyi wamaphupha kwiphephandaba I’solezwe, uyingqinile eyokuba ikhona into enjalo esigqirheni eyokuba ukhe uthi xha ngokwabelana ngesondo, kodwa esithi oko kwenzeka nje okwexeshana elithile.

“Iyenzeka yona kwaye amaxesha amaninzi ivame apha kumakhosikazi ukuba akhe ame ukwabelana namaqabane awo, kodwa hayi ixesha elingaka, oko kwenzeka okwexeshana. Kodwa ke le nto ifuna uqale uyixoxe neqabane lakho nibone ukuba nivisisana njani.

“Ukuthetha-thethana kubalulekile. Kona uyazila ixesha, kuyaxhomekeka ke, isenokuba zinyanga ezintathu okanye ezintandathu,” utshilo uMphilisi.