Yindawo yezidumbu iMarikana!

Ntombosindiso Thuthani (umama kamfi) nodade wabo uNobendiba Thuthani

Kapa:

Ziyaqala kwakho iziganeko zokubulawa ngokungenalusini kwabantu kwindawo yoogobityholo iMarikana, eKapa.

Le yindawo edume kakubi ngokubulawa kwabantu nanjengoko kunyaka ophelileyo ingabantu abaqikelelwa kumashumi amabini abadluliswa amafu kwisithuba senyanga enye.

Kwisiganeko esehle kutshanje, ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyeSilimela, kudutyulwe kwabulawa abantu ababini nekukholeleka ukuba owesithathu ubhubhele esibhedlele.

Kungokunje usapho lakwaThuthani eMarikana liphantsi kwelifu elimnyama, yaye lihlala phantsi koloyiko emva kokuba unyana weli khaya edutyulwe entloko wabhubha kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo eMarikana.

Ngokwengxelo yeli khaya, umfi uYamkela Thuthani udutyulwe ngamadoda angaziwayo kwikhaya lomhlobo wakhe.

Kudizwa ukuba uYamkela wagxagxanyiswa liqela lamadoda ukuba awakhombise apho kuhlala khona umhlobo wakhe nekutyholwa ukuba ebengunqevu, ntonje ebezama ukuphuma emva kokuba umfi uYamkela Thuthani wamkhuza ngelithi akulunganga ukuba azibandakanye namaqela oonqevu.

“Ndoyikisela ubomi bam nabantwana bam ababini kuba andiyazi nokuba ababulali bakanyana wam abanakundigangqela, bandibulale, ngoku ndifuna indawo ekhuselekileyo endingahlala kuyo,” utshilo uNtombosindiso Thuthani ongunina kamfi.

Le nkosikazi iyavuma ukuba unyana wayo ebesele eyekile ukutshaya iziyobisi. Uthi umzimba wakhe bawufumana ugqunywe ngamahlahla kufuphi nendawo yamangcwaba eMarikana.

Ixhoba belineshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala (17), kwaye libekwe kumadlaka ooyisemkhulu eLower Mcunkcuzo kuCofimvaba, eMpuma Koloni, ngoMgqibelo weveki esiphuma kuyo.

Kungokunje unina wexhoba, nongasebenziyo, kunzima ukuba akwazi ukuya kufikelela kwinkonzo yokugqibela kanyana wakhe ngenxa yokungabi namali kuba akaphangeli, yaye umzimba wexhoba sele ukhokeliswe phambili lusapho ukuzama ukukhawulelana neendleko.

Kungokunje ucela amalizo kumntu ongamnceda ukuba akwazi ukuphosa umhlaba kunyana wakhe.

Kukholeleka ukuba abarhanelwa bakhaba ucango kwikhaya likagxa wabo nobezama ukuziguzula kwizenzo ezigwenxa, nalapho kudizwa ukuba bafika badubula ixhoba entloko neqabane lalo ekurhaneleka ukuba layibeka esibhedlele inqawa ze emva koko umkhono wekati bawujolisa kuYamkela nekudizwa ukuba ebengahambiselani nezenzo.