Yindlela kuMaNzuza noS’mangele!

ULeleti Kumalo woZalo

Iindaba ezivakeleyo kwizitalato zakwaMashu zezo
zokuhamba kukaLeleti Khumalo nekuvakele ukuba akazokubuya kwisizini yesine
yoZalo.

ULeleti, udlala indawo kaZandile ‘MaNzuza’ Mdletshe
kususela oko  waqala lo mdlalo ngenyanga
yoMdumba ngo2015.

 Omnye ohambayo nguSihle Ndaba, nomka nendima yakhe kaS’mangele.
Naye uSihle waqala kuZalo kususela kwisizini yokuqala.

 ULeleti uthethe wathi ngokuhamba kwakhe:

 “Ndiyalivuyela eli thuba neqonga lokwakha ubuhlobo
nobabukeli nabalandeli bam kule minyaka. Nangona esi ibengesiso isigqibo
esilula njengeyolisa, kodwa lixesha lokuba ndihambe ukuze ndikhule
ngokomsebenzi.”

 Isizini entsha yoZalo izakuqala ngeyoMdumba ka2018,
kwaye ngokutsho kweStained Glass evelisa lo mdlalo kuzakube kukho iimbuso
ezintsha.

Uzalo kulindeleke lubambe ugqogqo lwetalente
kungekudala.