Yingxaki enkulu isiyobisi esibizwa iMercedes!

Isebe lophuhliso lwentlalo yoluntu kwiphondo laKwaZulu Natal libongoza abazali ukuba badlale indima enkulu ekuncediseni abantwana babo ekubeni bahlukane neziyobisi, kwaye bangabisazisebenzisa abo bangekaqali.

Kutsha nje kungeniswe amantombazana aselula ngokweminyaka akwaMashu esibhedlele ngoMgqibelo emva kokufunyanwa kwabo bekwimeko embi bethe tywa ngenxa yokusebenzisa gwenxa iziyobisi.

Kukholelwa ukuba basebenzise esona siyobisi sigqugqisayo kulutsha la- KwaZulu Natal esibizwa ngokuba yiMercedes.

Le Mercedes sele ibulele abantu abaninzi abatsha kula mmandla yashiya abaninzi esibhedlele.

Isithethi seli sebe uVukani Mbhele uthi le yingxaki enkulu engakhange iqondakale.