Yinjinga yeegush’ iMpuma Koloni

Zizakuthunyelwa kulizwe lase Kuwait iigusha ezifikelela ku 63 000 ubuninzi ezizgcinwe eBerlin, ezizahanjiswa ngenqanawe ethutha imfuyo eMonti Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Liyakhula inani leegusha zoMzantsi Afrika ezithengiswa kumazwe oMbindi Mpuma nanje ngoko kuthunyelwe inani elingaphezu kwelonyaka ophelileyo kulo nyaka.

Zigusha ezingamashumi amathandathu nesithathu amawaka (63000) eziqatyeliswe inqanawa yenkampani iKuwait Livestock Transport Trading (KLTT) zisuka kunxweme laseMonti kule veki.

Ingxelo ithi ezigusha ziphuma kwimbombo zone zoMzantsi Afrika, kodwa iMpuma Koloni yeyona inenani eliphezulu. UAlyaas Ally ongumlawuli wenkampani iAl Mawashi nekhokeleyo kulentengo uyacacisa.

“Iigusha ezi ziphuma kuwonke onke amaphondo oMzantsi Afrika, kodwa amashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini epesenti zigusha eziphuma kweli leMpuma Koloni,”kutsho uAlly.

Ngo 2019 uMzantsi Afrika uthumele iigusha ezikumashumi amahlanu anesixhenxe amawaka kwilizwe laseKuwait phantsi kwesi sivumelwano. UNiel Rudy nguye ojikeleza ekhangela ezigusha ephondweni nase Mzantsi ngokubanzi.

“Sisebenzisana nee-arhente, namafama asaqalayo nalawo sele ephuhlile, siye sivane ngexabiso legusha, umgangatho wayo nobudala bayo ngokunjalo, size sithenge ke xa sivana ngezi zinto,” uyacacisa uRudy.

Uthi baqala kumatakane anenyanga ezisibhozo ezelwe, kodwa bagxila kakhulu kwinkabi ezisele zigqibelele ukukhula.

“Amazwe oMbindi Mpuma athanda iigusha zethu aquka iOman, Dubai kunye neKuwait, bazifunela ukuzixhela abazifuyi kuba abanamadlelo alungele igusha,”kucacisa uRudy.

Ingadluma yenqanawa ethwala ezi gusha ithatha umthwalo owaneleyo wokutya nanje ngoko izakuchitha iintsuku elwandle.

“Yinqanawa ezimitha ezingamakhulu amabini ubude, inamanqwannqwa asixhenxe ukubheka phezulu, ithwala iigusha ezikumashumi asibhozo anesihlanu amawaka, ikwanomthwalo wokuzityisa.” utsho uRudy.

Umphathiswa weSebe lezolimo noPhuhliso Lwamaphandle uNomakhosaza Meth ubekho ngethuba kuqukunjelwa lomthwalo kwifama iAl Mawashi eBerlin cebukuhle eMonti.

“Sisoloko sikhuthaza intsebenziswano phakathi kwamafama noluntu lwezoshishino kunye norhulumente,amazwe esikhuphisana nawo kwintengiso yegusha neebhokwe ayanxakama ngenxa yelinani silithengisayo kule minyaka mibini,”utshilo uMeth.

Uthi injongo zabo eziphambili kukuba intengiso yemfuyo ifake isixamali esivakalayo kwingxowamali yengeniso karhulumente rhoqo ngonyaka. “Sihamba phambili apha eMzantsi Afrika kwintengiso yoboya bebhokhwe nakuboya begusha ngokunjalo, siyazingca ngenxa yoko,”ucacise watsho uMeth.

Lo mthwalo uzakuthatha inyanga ezintathu elwandle, kwaye zigonyiwe ukuze zijongane neengxaki zokuhamba ezinokuvela endleleni.

“Ziyachetywa phambi kokuba zinduluke, ukuze kulawuleke iqondo lobushushu emzimbeni wazo, kuba zidibana namaqondo ahlukeneyo obushushu endleleni esinga kuMbindi Mpuma,”kutsho uRudy.

UMeth uqinisekisa ukuba ezigusha ziphuma nakumafama asakhasayo asadinga ukufundiswa banzi ngentengiso zamazwe angaphandle. “Ayafundiswa amafama asakhulayo ngendlela ezininzi zokuthengisa iimveliso zawo kumazwe angaphandle, sijonge ukuqinisa kakhulu kwelo cala ukuze azi banzi ngamalungelo awo okuthengisa kumazwe angaphandle,”kutsho uMeth.