‘Yinkokheli enjani le ongasoze uyibone ifunda nephepha?’

UMAKHWEKHWETHA kuluncwadi lwesiXhosa, uNjingalwazi Ncedile Saule, umemelele kwabantsundu ukuba benze ingxolo ngolwimi lwabo lwenkobe ukuze kuphile futhi kuphuhle imvelaphi yesizwe.

“Sidelelwe kakhulu zezinye izizwe, kufike ixesha lokuba sithi kwanele. Kufuneka siphume senze ingxolo eninzi ngolwimi lwethu. Sithethe ePalamente, ezitalatweni, naphi na, singxole,” utshilo uSaule, ethetha eGinsberg eQonce kumsitho obuququzelelwe liSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko laseMpuma Koloni.

Lo msitho ibingowokubhiyozela iziswenye zoluncwadi, eziquka uSamuel Krune Edward Mqhayi.

Njingalwazi Ncedile Saule UMFANEKISO: FACEBOOK/ DSRAC

USaule ucaphule kokwabhalwa nguMqhayi ngo1914, esithi: “Xa ungalwaziyo ulwimi lwakho, ungaluthethi nangoku sele ulwazi, ufunda ukungabinanyani. Izifundiswa zihlozinga nje xa zithetha, kungenxa yokuba azizange zafunda nto kooninakhulu nakooyisemkhulu.

Kunceda ntoni na umntu anconyelwe ukulisoma ulwimi lwasemzini, ngelo xesha ungumdlungu kolwakhe.”

USaule ubuze ukuba kutheni le nto oosopolitiki bethetha ngolwimi lwasemzini xa bethetha nabalandeli babo. “Bekwenza oko beyazi ukuba abayazi kwale nto bathetha ngayo.”

“Okunzima kakhulu, yile yongcwaba (izizalwana zethu) ngolwimi lwasemzini, de sibhale ngqindilili kumafihlo wabo, sithethe nezinyanya zethu ngolwimi lwasemzini. Baza kusiva njani?” kubuza uSaule.

Lo makhwekhwetha uthi uluncwadi lwethu lugqamisa indlela yokucinga. “Yinkokheli enjani engafundiyo? Akusoze uyibone ifunda nephepha. Ayinalo nethala leencwadi phaya ekhaya.”

“Uluncwadi lwethu lwesiXhosa lubangela ukuba sibesithi, thina buqu. IsiXhosa singenza nantoni na,” utshilo uSaule.