yinkwenkwe

Ulutsha lwaseLinge luphume lungaxolanga kwaphela yindlela abachonge ngayo abachongi kumsitho woonobuhle wolutsha obusingethwe kwiholo loluntu ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga simi kuyo. Lo msitho ubuququzelwa yi- projekti ebizwa ngokuba yi-RISE.

Abantu bathe abachongi bayenza njani into yokuchonga umntu ongumfana kwindawo yomntu obhinqileyo, besithi * “Miss June 16” ongubhuti-sisi yinto engazange yabakho nasemdudweni.

Bambi bakhalaze ngelithi ezi ziphumo zolu khuphiswano zingumzekelo ombi kakhulu ebantwaneni.

Ezi zikhalazo zivele emva kokuba * -Anda Nzuzo, owaziwa njengo -bhuti-sisi ekuhlaleni, engenele olu khuphiswano loonobuhle waze wachongwa njengo “Miss June 16, 2015” etywatyusha abasetyhini kolu khuphiswano.

USisanda Funcuza owayengumchongi kulo msitho woonobuhle wabatsha uthe: “Abantu mabayeke ucalucalulo, sonke singabantwana bakaThixo kwaye asinawo amandla okukhethela umntu ubomi ekumele ukuba abuphile. Into esiyenzayo kukujonga ukuba umntu lo uyayenza na into efunekayo.

U-Anda lo ebenyanzelekile ukuba aphumelele kolwa khuphiswano ngoba ebezinikele kwaye ubenobuchule bokuphendula imibuzo kakuhle.” Uye waziphendulela naye * -Anda emva kwezonyeliso ezisuka ebantwini wathi: “Ndivuya kakhulu ngokuphumelela uMiss June 16.

Mna ndandingayelanga ukungenela kuMiss June 16, nto nje ndacelwa ngaba sisi bakwa-RISE ukuba ndingenele ngoba abantu babengaphelelanga. Ndalungisa ke, ndangenela ndenza izinto endidume ngazo. Andizange ndizive ezi zinto zithethwa ngabantu ngela xesha kuba ngendingazange ndivume kwa ukungenela , kodwa sendingenele, abantu mabayeke umona.”