Yintlekele kazwelonke iKhorona

Siyaxokozela okwamaxoxo emgxobhozweni,

Izizwe zonke ziyanxakama,

Sixakeke nobomi amazwi axabe emqaleni,

Kazi yinto eyintoni nalento?

Ntlekele mna na lo uzotshabalalisa ihlabathi,

Bhubhani mna na lo uzokusiphazamisa ezingqondweni?

Elishwangusha lizophazamisa intlelo zethu,

Sifo sini na esi sisiphefumlisa ngenxeba?

Ntsholongwane mni na lo uzosidungudelisa?

Ingqondo zethu iyazovuya kwaye ziyaphazamiseka,

Elishwangusha ngathi lishwatyulelwe malibhange,

Baphel’abantu ehlabathini lithumelo.

Kuphazamiseka yonke into phantsi kwelanga,

Kuphazamiseka izifundo,kuphazamiseka utyelelo,

Kuphazamiseka ushishino,kuphazamiseka imisebenzi,

Kuphazamiseke impilo nje iyonke,

Sithini na mongameli ukungaxhalabi?

Sifikelwe ngumgqugqisi nomtshabalalisi,

Sithini ukungatyhwatyhwi sifikelwe yintlekele kazwelonke,

Mabhak’omhlahlo hlabani umkhosi konakel’ukuhlala,

Makholwa thandazani ningaphezi angenil’amanz’endlini,

Abafunde bayityekeza mabenz’uphando,

Sichoph’ezithendeni mvanje.

Wafika umgwebo ungabhungisanga,

Thixo ungavumi ngabantwana bakho,

Asikakulungeli ukulishiya eli,

Mayingabi ziimini zethu zokugqibela phezu kwegade,

Silamlele Qamata inkal’ixinge etyeni,

USathana ungene ngevosho ehlabathini,

ThandazekaThixo kumaxesh’obunzima,,

Thandazeka nal’ixesha lembandezelo neenzingo,

Sikhuluke Bawo imiphefumlo yethu isezimbandezelweni,

Sihlangule kulomoya siwuphefumlayo ungendawo,

Akusekho ncoko yimbi ngaphandle kwalentlekele,

Sekuyinto esilala sivuke sitye yona,

Icekwa lilele kuthi ngoku,

Silandele imiqathango nemiyalelo,

Abangaqondiyo mabaqiqe phambi koba benze,

Lentsholongwane ayinakuhlakanipha nabudenge,

Lentsholongwane ayikhethi silambi nasityebi,

Ucoceko maluhambe phambili,

Masingaxokisani siqhathane,

Nalena iyedlula.