Yintoni enomfazi nesidumbu sendoda?

Kule meko yamadoda alahla abafazi ze azeke abanye, sibona kuzaliseka isiko lethu lokuba umfazi akalahlwa.

Ngumthetho wakokwethu ukuthi nokuba umfazi sele engasahlalelani nendoda yakhe, kodwa ahlale engumfazi wayo.

Lo mthetho unaba uthi nokuba angendela ndodeni yimbi umfazi olahliweyo, leyo ndoda imzekayo izeka umfazi wenye indoda, kwaye indoda yakhe yokuqala ihlala inelungelo lokumphuthuma kobo buhilihili asabuhambileyo umkayo, kuba ke ngumkayo.

Enokuba sele efike wazala ishumi labantwana na kuleyo ndoda yamanyala, indoda yakhe yokuqala nekuyeyona ndoda yakhe yokwenene inokumphuthuma nabo bantwana.

Umfazi kaloku isizalo sakhe sinye, akazali kaninzi ke ngoko; kunjalo ke nokwenda kwakhe.

Kuxhaphakile ke ukuthi mhla indoda yafa, ingakumbi xa engabuyanga wenda umfazi lowo ulahliweyo, ubone amakhaya exakaniseka.

Umfazi wokuqala uye angxamele ukubuya, ingekuko nokuza kufuna ukubanga ilifa, koko efuna ukuza kuzilela indoda yakhe. Maxa wambi wofika esunduzwa ke ngamakhaya, ingakumbi ukuba indoda leyo yabuya yathatha omnye umfazi.

Nomfazi omtsha ke ufika etshawuza imibane, engafuni nokuba asondele lowo wokuqala umfazi, kanye oku kwenja inomona ngomhlanzo wayo.

Indoda ifile, nemihla yayo yokulungisa izinto iphelelwe. Umfazi olwela ukubuyela endodeni sele ifile uyabhudisa ke ngoko, ingakumbi xa kungekho nto kuthiwa lowo mfazi ufuna ukuxhamla kuyo, efana nobutyebi bendoda eyamlahlayo.

Lo mfazi wohlulwe kukubuyela emzini wakhe ngethuba indoda ibisaphila, mhlawumbi ebengakufuni noko kubuyela kuyo, ezihambela unodwangu wakhe. Ngoku yakube ifile ufuna ukubuyela kuyo. Kungokuba kutheni?

Sele ndibone abafazi abaninzi abathi bebehambela qelele kumadoda abo abalahlayo, bengafuni nokusondela kwizalamane zamadoda abo.

Kodwa abo bafazi bathe akufa amadoda abo bacanda amanxiwa, bakha imizi, bayibiza kwangaloo madoda abo.

Ingaba kukuthanda ukwenda bethu? Athi owayengazange ayizilele loo ndoda yakhe kuba wayetshovelwa ecaleni, umbone ezinxibisa izila (kule nto yokunxitywa kwempahla yezila ikhoyo ke kule mihla). Indoda ibingakufuni iphila, ngoku yakube ifile wakha umzi uwubize ngayo! Ngoba kutheni?

Umfazi omtsha wendele endodeni abe eyazi kakuhle ukuba sele isuka kuba nomfazi, ukutsho oko iyindoda yomnye umfazi.

Indoda elahle umfazi; engakafi lowo mfazi imlahlileyo, ibotshiwe ngumthetho ukuba ihlale ingumyeni walowo mfazi. Kukwanjalo nasemfazini ukubotshwa ngumthetho endodeni yakhe isadla amazimba.

Wena mfazi wendela endodeni elahle umfazi wayo, wendela endodeni yomnye umfazi, asiyondoda yakho leyo.

Ngowuse wakhetha isithembu, kuba esithenjini kulapho ubuya kuba ngumfazi wokwenene kuneshweshwe olilo ngoku. Ifile ke ngoku nale ndoda ububuthe kuyo, usenomona wantoni?

Uhleli nayo nisidla izimnandi zelizwe, isakube ifile usenomona wantoni ngayo ungamyeki nje nomnye lowa umfazi asondele xa efuna njalo?

Ngowumyeka azokukuncedisa ukulila xa athanda iinyembezi ngaphezu kobomi; kuba kukuthanda ukulila ukusondela indoda yakufa kanti ubungayifuni ngethuba isadla amazimba. Ulila wedwa kuba kutheni unomncedisi nje?

Kambe ke, olu kruthakruthwano lububungqina bokuba umfazi wenda kube kanye, ukwenda kwesibini bubuhilihili.

Kwaye lithuba elihle ukubanga komfazi indoda yakhe yakube ifile kuba iza kumlulamela. Andazi usapho landisa ubukrakra phakathi komfazi nendoda sele ifile kuba kutheni na. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisixhosa, Nxuba.