Yinyanga yamakhosikazi, ngoko sigqibe kwelokuba sixhobise amanina ngezinye izifo ezithande ukuxaka kwimpilo yawo.
Kwikhasi lethu lezempilo namhlanje sithetha ngomhlaza wesibeleko ( Cervical Cancer).
QAPHELA:
Kubalulekile ukuzihlola wakuva nasiphi na isimo esingaqhelekanga empilweni yakho.
Umhlaza wesibeleko okanye iCervical Cancer ithetha ukuba imithambo ethile yokuhanjiswa kwegazi (cells) ikhula ngendlela engaqhelekanga kwaye ayilawuleki.
Kwaye ke ezi-Cells zomhlaza zingathi zityhutyhe nakwezinye iindawo zomzimba wakho.
Yintoni unobangela walo mhlaza?
Umhlaza wesibeleko ubangelwa lutshintsho oluthile olungaqhelekanga kwimithambo yesibeleko.
Olona tshintsho lwalemithambo luye luziveze apha kwisibeleko eso.
Ngethuba lenkqubo yolutshintsho, eminye imithambo yesibeleko ingaye ingaqheleki, ingakumbi ukuba ungumntu unosuleleko ekuthiwa yi-HPV (Human Papilloma Virus).
Okunye okunokudala umhlaza wesibeleko kukuba namaqabane aliqela okanye utshaye icuba. Yona iHPV uyifumana ngokwabelana ngesondo nomntu onayo.
Zininzi iindidi zentsholongwane ye-HPV.
Ayizizo zonke iintlobo ze-HPV ezidala umhlaza wesibeleko, ezinye zidala iintsumpa kwilungu langasese ( genital warts), kodwa ezinye iintlobo azinokudala zimpawu zithile.
Abantu abaninzi bakhe bosuleleka yi-HPV kwixesha elithile, kodwa ulosuleleko luphinde luphele ngokunokwalo.
Kodwa ngelinye ixesha lingadala iintsumpa zangasese okanye likhokhelele kumhlaza wesibeleko.
Oku kuthetha ukuba kubalulekile umntu wasetyhini enze uvavanyo lwencindi yesibeleko njalo.
Zeziphi iimpawu zomhlaza wesibeleko?
* Ukuqhubekeka kokopha kwelungu langasese kumntu wasetyhini.
* Ukuphuma kokungcola okunevumba elingaqhelekanga
* Umqolo kunye nesinqe esibuhlungu
* Ukungonwabi ngexesha lesondo
* Iingxaki zokuchama
* Iingxaki zokuzithuma
* Ukopha emva kokuthi nqum ukuya exesheni
* Okanye ukuya exesheni ngamandla okanye ixesha elide kunesiqhelo
KHUMBULA!
Ezi mpawu zingaqhutywa naziimeko ezithile, ngaphandle komhlaza wesibeleko.
Umzekelo, ulosuleleko lungadala iintlungu nokopha. Kwakhona, ukuba unezinye zezingxaki, khawuleza udibane nengcali yezonyango nokuba ubuzihlola rhoqo incindi ( Paps).
Ukuba lusuleleko, kwakufuneka lunyangwe.
Ukuba ngumhlaza, ukungazihoyi iimpawu kungadala inkqubela phambili de ifikelele kwisigaba esigabadeleyo kwaye icuthe amathuba wonyango oludingekayo.
Ungalunyanga utshintsho lwee-cells zesibeleko olukwisigaba esitsha, oko kungakukhusela kumhlaza wesibeko okanye uthothise umngcipheko wokungasebenzi kakuhle kwee-cells ezo.
Zihlole rhoqo incindi yesibeleko ( Pap testing screening).
Iinkqubo zovavanyo lwencindi yesibeleko lusekelezelwe kwiminyaka yakho yobudala kwanezinto ezonyusa umngcipheko wakho wosuleleko.
Thethana nogqirha wakho ngamaxesha ekufuneka uhlole ngawo.
Hlukana nokutshaya!
Amakhosikazi atshayayo okanye asezela umsi womdiza , akumngcipheko ophezulu kakhulu wokutshintsha kwee-cells zesibeleko zawo, noyakuthi oko kukhokelele kumhlaza wesibeleko.
* Ukuzikhwebula ekutshayeni kunganciphisa umngcipheko wolu suleleko.
* Ukufumana ichiza le-HPV
* Ukuba ungowasetyhini ominyaka ingamashumi amabini nesithandathu ubudala , okanye nganeno kunoko, fumana ugonyo lwe-HPV.
* Ichiza iCervarix kunye ne-Gardasil akhusela kwi-HPV nethi ibe ngunobangela womhlaza wesibeleko.
* Olu hlobo logonyo lukwalungiselelwe abantwana abakwiminyaka yeshumi elinanye okanye ishumi elinesibini, kodwa uyanikwa sele iminyaka esithoba ubudala.
Kuloo mantombazana angekaluxhamli olugonyo, kuyakhuthazwa ukuba enjenjalo de abeminyaka engashumi amabini nesithandathu.
Nciphisa umngcipheko wolosuleleko lwezifo zesondo ( STIs)
Ukuzikhusela kwizifo ezosulela ngokwabelana ngesondo (STIs), kuquka iHPV kulula kakhulu kunokunyanga ulosuleleko olusele luthabathe indawo.
Usuleleko lwentsholongwane ye-HPV ixesha elininzi alubonakalisi mpawu zokuvundlisa, kungoko wena neqabane lakho ningahle ningazi ukuba nosulelekile.
Ukuzama ukucutha umngcipheko
Thetha neqabane lakho ngezifo ezosuleleka ngokwabelana ngesondo phambi kokuba niqale ubudlelwane ngokwesondo.
Fumanisa ukuba wena okanye yena usemngciphekweni we-STIs, nezifana nentsholongwane ngagawulayo, nezinokuthabatha iinyanga ezintandathu phambi kokuba zifumanbeke egazini.
* Thabatha uxanduva
* Ziqelelanise nezesondo ingakumbi xa ubonakalisa iimpawu ze-STI okanye unyangelwa ulosuleleko lwee-STI.
* Ungabelani ngesondo nomntu onayo okanye obonakalisa iimpawu zolosuleleko lwezifo zokulalana.
* Zivavanye ukuze wazi ngesigaba okuso kwanonyango lwaso.
Zivavanye ukuze ufumanise nangesigaba somhlaza wesibeleko.
Unyango?
* Uqhaqho olufana ne-hysterectomy nolunye,
* Ukutshiswa komhlaza / Chemotherapy,
* Nohlobo oluthile olubizwa iRadiation therapy.
Oku kuye kuxhomekeke ukuba uhambele phambili kangakanani umhlaza phambi kokuqaliswa kokwenziwa konyango.
Iinkcukacha ezithile ngalamanqaku sizifumene kwiminatha eliqela eyohlukeneyo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika