‘Yintoni ingxaki ngeempundu?’

UNkosi Ntombekhaya Sandile, iNkosi yendawo apho kukho khona isikolo iMasimanyane Senior Secondary Umfanekiso: BHEKI RADEBE

“INKCIYO ngumboniso esikhule siwenza kwaye safunda kuwo iindlela zokuziphatha kwentombi.”

Oku kuthethwe nguPhelokazi Sandile (18), umfundi kaGrade 11 kwisikolo iMasimanyane Senior Secondary yaseNdakana eCumakala, ephefumla ngomboniso ongundabamlonyeni, noveze abafundi besi sikolo besenza umboniso wenkciyo ngethuba bekukhuphiswano lweekwayara eMthatha kutshanje.

Lo mboniso wenkciyo uveza abafundi abangamantombazana besi sikolo begqume ngenkciyo ubuntombi babo, kodwa amabele neempundu engaphandle.

UPhelokazi, obe yinxalenye nalo mboniso, uxelele I’solezwe ukuba luchulumanco kubo ukwenza umboniso wenkciyo.

“Akukho mntu osinyanzeleyo, yinto ebesiyazi ukuba siza kuyenza. Ootitshala bethu nabo bothukile kuba bebengayazi ukuba siza kwenza olwahlobo. Inkciyo ngumboniso ekudala siwenza ukusukela ebuntwaneni bethu ukuza kwinqanaba lobuntombi,” utshilo uPhelokazi.

Uthi abanantloni ngokuveza amabele neempundu esidlangalaleni.

“Iintloni zantoni? Kuba kaloku siyazidla ngobuntombi bethu. Ngala ndlela sibonisa ukuqhayisa ngenkcubeko yethu. Inkciyo isifundisa ukuziphatha ngendlela singamantombazana. Xa uziphethe kakuhle njengentombazana, oko kwenza ukhule njengentyantyambo ebukeka kakuhle ezizweni,” utshilo uPhelokazi.

Umama kaPhelokazi, uNkosi Ntombekhaya Sandile, uthe: “Umhla nezolo sithetha ngomba wokuba masivuselele amasiko nezithethe zethu. Umzekelo isithethe sokuhlolwa kwentombi – inkciyo – sesinye sezithethe esaphela ngenxa yenkqubo yaseNtshona.”

UNkosi Ntombekhaya uthi inkciyo ivuselela ukuziphatha kubantwana abangamantombazana. “Sinengxaki yokuziphatha kwabantwana abangamantombazana kwanengxaki yezifo. Xa sisiva kwabadala, inkciyo yayincedisa kakhulu kumba wokuziphatha nesimilo sentombazana.

“Umzekelo kwinkciyo amantombazana akhuthazwa ukuba makazigcine engadibani nabafana de kufike ixesha elilungileyo. Le nto inceda umntwana angakhulelwa futhi angachaphazeleki kwizifo,” utshilo uNkosi Ntombekhaya.

UNkosi Ntombekhaya uthi imphatha kakubi into yokuva ukuba kukho uphando olwenziwa ngamagosa karhulumente ngalo mboniso.

“Uphando lwantoni? Ndinomntwana obethabathe inxaxheba kula mboniso. Khange banyanzelwe mntu aba bantwana. Umbuzo endinawo kukuba iimpundu zaba bantwana zohluke ngantoni kwezo zakwaZulu nezo zaseSwatini. Yintoni ingxaki ngeempundu zabantwana bethu? Zohluke ngantoni kwezi zikaZodwa Wabantu odanisela abantu ehamba ngaze?”

Ingcali kwimiba yesiNtu uMlawu Tyatyeka yena uthi udanile yindlela abezopolitiko abawusingathe ngayo lo mba. Oku kuza emva kokuba iNkulumbuso uPhumulo Masualle eyalele uMphathiswa wezeMfundo ephondweni uMandla Makupula ukuba aphande le nyewe. Kwankqu noMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke uAngie Motshekga uvakalise ukudana ngulo mboniso.

“Abezopolitiko ngabezopolitiko abazizo iingcali zenkcubeko futhi ngendlela endibona ngayo, abakhange bawusele so umba woMgaqo Siseko, ovumela ukuba abantu bathabathe inxaxheba kwimiba yezenkcubeko.

“Ndiqhele ukuzimasa umhlanga eSwatini naKwaZulu, apho iintombi zihamba ngeempundu namabele. Wakhe wakhalaza uMphathiswa uAngie Motshekga? Ndiqhele ukuzimasa umsitho obizwa Umkhosi wokuKhahlela kwaBhaca. Wakhe wakhalaza uNkulumbuso uMasualle?” kubuza uTyatyeka.