Yintoni uxanduva lendoda?

Aphi amadoda? Lowo ngumbuzo owahlala engqondweni kaMfundisi uThabo Mkhencele wombutho iMan On A Mission, emva kokuwubona lo mbhalo umkhulu kwisitalato iOxford eMonti.

UMkhencele uthi kulapho waqalisa ukusungula lo mbutho ozakujongana nokukhuthaza, ukufundisa, ukucebisa kwanokuxhobisa abantwana abangamakhwenkwe ukuya kumadoda ngohlobo abanokuthi baziphathe ngalo.

Ukudlwengula, ukuqhekeza, ukuxhaphaza, ukubandakanyeka kwiziyobisi, kuko okoyanyaniswa namadoda, kungoko uMkhencele ezama ukubuyisela eso sidima kumadoda ekubeni ubani nobani ayazi indima yakhe ekhayeni njengendoda.

Uthi kulo mbutho amadoda afundiswa ekubeni indoda iyazi ukuba yeyokukhusela hayi ukuphatha gadalala. UMfu. Mkhencele uthi owona nobangela kumaxesha amaninzi wokuvuthuluka kwesidima samadoda kukungathathi nxaxheba kwamadoda kubomi boonyana babo ekukhuleni. “Xa uyindoda ebethayo, indoda ehamba ilala nje zazi ukuba ingxaki unayo kwaye ifuna uncedo. Zininzi iingxaki ezibangela ukuba isidima sobudoda uphulukane naso, mhlawumbi kukukhula ngaphandle kothando lwabazali ingakumbi elikatata. Ukuba nomsindo, ukuba nento eyaziwa nguwe wedwa ekuxhelayo – zezinye zeempawu zokungakhuli kakuhle.

“Singenelela xa kulapho siyi-Man on a Mission, sibafundisa ngokuba ootata ngabakhuseli bekhaya, zintloko zekhaya kumakhaya abo. Oku zinzame zokubuyisa isidima sobutata ukuze amanina azive ekhuselekile,” utshilo uMkhencele.

IMan On A Mission sele ineminyaka emithathu ikhona, kwaye sele inamalungu ewakhuphe kwiziyobisi, nababesele bencanyiwe kumakhaya abo, kodwa ngoku nangamadoda azimiseleyo ngobomi sithetha nje. Bayatyelela ezikolweni kubantwana abangamakhwenkwe ngeenjongo zokubafundisa ukuba kufanele ube njani xa ungutata, iqabane lakho uliphatha njani.

Bakwacebisa nalawo atshatileyo amadoda kwimitshato yawo xa ineengxaki. Nabani na onomdla wokubuguqula ubomi bakhe wamkelekile kwiMan On A Mission eMonti.