‘Yintsomi ukufunda kweeNkosi’

Nangona urhulumente wephondo leMpuma Koloni ezama ukuxhobisa ngolwazi nezakhono iiNkosi zeli phondo, ezithile kuzo zithi uzungula ichele urhulumente.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, uFikile Xasa, ngoMvulo wale veki, ukhuphe imali ekwisigidi seerandi (R1.4 m) ejoliswe ukuxhobisa iiNkosi ngolwazi nezakhono.

UNkosi Mzikayise Khawulela waseNgqushwa ngowokuqala ukugxeka eli linge, esithi yintsomi le yokufundiswa kweeNkosi ngurhulumente.

“Izakhono ziyafuneka, ulwazi nokufundiswa kweeNkosi kuyafuneka, kodwa amava ethu ngeenkqubo zokuphuhliswa kweeNkosi kusenza sithi yintsomi ukufundiswa kweeNkosi,” uthethe watsho uKhawulela.

Uthi zininzi iinkqubo ezikumila kunje ezize norhulumente zaphelela esithubeni ngenxa yokungalawulwa kakuhle kwangurhulumente weMpuma Koloni.

“Eli lilinge nje lokuthinjwa kwengqondo zeeNkosi kuba kuza ulonyulo ngoku, kukhangelwa inkxaso ngale nkqubo, kudala sifaka izicelo zokwakhelwa amaKomkhulu ayenzeki lo nto,” utshilo uNkosi Khawulela.

Isebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, libambisene neyunivesithi yaseFort Hare kwinkqubo yokufundiswa kwezi Nkosi kwizakhono ezahlukeneyo.

UNkosi Zanovuyo Njokweni waMazizi aseNgqushwa, uthi zikhe zakho iinkqubo ezifana nezi kodwa zaphelela esithubeni ngenxa yokusilela kukarhulumente.

“Sihambe iinkqubo zoqeqesho ezaziqhutywe leli sebe uthetha ngalo, asizange sizifumane iziqinisekiso ekwakuthwe ziza kufumaneka ukuphela kolo qeqesho, bathenga emithiyo ngenethole, akukho nto iza kwenzeka injalo,” uthethe watsho uNkosi Njokweni.

Lo kaNjokweni uthi balindele ukuphuhliswa kwezakhiwo zamakomkhulu.

“Sibamba iintlanganiso zakomkhulu phantsi kwemithi, alikho nelinye ikomkhulu elingazange licele ukwakhelwa iindawo zokubamba iintlanganiso, ezinye iiNkosi azinabo abasebenzi bebhunga lakomkhulu, kuqalwa ngeyokugqibela,” utsho uNjokweni.

Ezi Nkosi ziza kufundiswa kwizakhono eziquka ukulawula imali, ulawulo lwesininzi, umthetho nezinye izakhono. UMphathiswa weli Sebe, uFikile Xasa, uthi zibubuvuvu ezi ngxelo zenziwa zezi Nkosi.

“Iyabhuda loo Nkosi ithetha lo nto, le nkqubo iza kwenziwa ziingcungela kulawulo ngendlela ejoliswe ukutshintsha indlela ezisebenza ngayo iiNkosi, noluntu kunye norhulumente,” uphendule ngelo uXasa.

Uthi mazize ngaphambili iiNkosi ezinengxaki ngale nkqubo. Zimbi kwiiNkosi zityhola indlela ekutyunjwe ngayo ezo ziza kuthatha inxaxheba.

ULizo Phithi weYunivesithi yaseFort Hare, uthi bona benza umsebenzi wabo njengeziko leMfundo ePhakamileyo.

“Olunye kumaxanduva ethu siliziko lemfundo ephakamileyo kukuqinisekisa ukuba intlalo yoluntu iyaphucuka, oku sikwenza ngokuxhobisa ngezakhono, ulwazi nemfundo kwabo bachaphazelekayo, senza lo nto apha,” ucacise watsho uPhithi.

Ophuma kwikomkhulu lamaGcina eCacadu, uNkosazana Weziwe Mpangele uthe:

“Sixakwe kwayindlela ekutyunjwe ngayo ezi ziza kufunda iiNkosi, sizifuna sonke izakhono,” utshilo uMpangele.

siyabulela.mqikela@inl.co.za