Yinyanga yesihlanu lidukile ixhewukazi laseGcuwa!

Umfanekiso kaNomana Soyana okhutshwe ngamapolisa

LIXHALABILE usapho lakwaSoyana kwilali yaseThanga eGcuwa ngokungafumaneki kwelungu labo losapho eladuka kunyaka ophelileyo. 


UNomana Soyana onamashumi amathandathu anesithandathu ubudala, wagqityelwa ukubonwa kwikhaya lakhe kwilali yaseThanga kunyaka ophelileyo kweyeDwarha ngomhla weshumi elinesibini.


Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Jackson Manatha, ithi ngosuku agqityelwa ngalo uSoyana wayenxibe isikeyiti esimnyama kwakunye neeteki ezimnyama. 


Amapolisa abongoza nabani na onokubanolwazi malunga nexhoba achazele amapolisa ngokuthi atsalele umcuphi uSejenti Lwando Mbhekile ku047 492 0181 okanye atyelele kwisikhululo samapolisa eMsobomvu okanye atyelele isikhululo samapolisa edolophini eGcuwa.