“Yohlukanani nalo mkhuba wokuthengisa izindlu zikarhulumente!”

UNotoweni Mantente eme phambi komzi wakhe omtsha. Umfanekiso ngu: Sinikelo Goqweni

Inkondekazi enamashumi asixhenxe anesithathu eminyaka ubudala ebiphila ngokuhlala kwindawo yogobityholo eMaiden Farm eMthatha ayiwuvali umlomo emva kokufumana indlu yale mihla kurhulumente. 

Le nkondekazi yinxalenye yabantu abangamashumi amane abanikwe izindlu ngumasipala weKing Sabata Dalindyebo (KSD). Kwiminyaka emibini edlulileyo umasipala wafumana uxwebhu lwenkundla ephakamileyo elaligunyazisa ukudilizwa kwamatyotyombe akhiwe emhlabeni kamasipala kwakhiwe izindlu ezisemgangathweni. Le nkondekazi uNotoweni Mantente oyinzalelwane yaseMasameni eNgqeleni uhleli kulo mhlaba waseMaiden Farm iminyaka eliqela.

“Imvula ndizoyiva ngebali nam njengabantu bonke abanemizi, ndiyavuya ndiphelelwe ngamazwi kwaye ndibulela umasipala ngokundipha indlu ekugugeni!” utshilo uMantente.

Omnye umhlali oxhamleyo kwezizindlu uThembinkosi Nobhala obehlala ematyotyombeni abizwa iSharpley kule ndawo iminyaka engaphezu kwemithandathu uthe bekungekho lula ukuhlala etyotyombeni elinamagumbi amabini nabantwana bakhe. UNobhala uthe “Ndibhalise kaninzi kwiminyaka emibini edlulileyo bendingekaqondi ndizoyifumana le ndlu ndothuke kakhulu kwaye ndiyavuya ndiyathemba nenkosikazi yam engasekhoyo izovuya kakhulu xa ndihlala endaweni entle nje ngalendlu nabantwana bam abasixhenxe.”

Zizonke izindlu esele zigqityiwe zingamashumi asixhenxe logama kusalindeleke kwakhiwe eziyi-1382. Ngokutsho kukamasipala weKSD, oku yindlela yokuphumeza umqulu wenkululeko owawusithi kuzobakho izindlu nokhuseleko lwabantu.

Usodolophu womasipala weKSD uDumani Zozo ubongoze abantu ukuba bohlukane nomkhuba wokuthengisa izindlu zikarhulumente kungenjalo bahlawulise ngazo abanye. Usodolophu uZozo uthe “Makuncediswane kuliwe ubuqhophololo kumba wokunikezelwa ngezindlu, izindlu mazixhanyulwe ngabantu abafanelekileyo kuphela. Xa sikunika indlu yindlela yokubuyisa isidima sakho njengomntu welilizwe ngoko ke suyithengisa indlu uphinde ulinde enye”

Ukwathe umntu ofumene le ndlu makaqinisekise ukuba nezizukulwana ezizayo ziyaxhamla kuyo esithi abantu mabangazonakalisi ntonje mabalinde kuseza ezinye.

Kusenjalo abantu abaxhamleyo banikwe neempahla zangaphakathi eziquka iibhedi, izitovu nezinye iimpahla.