Yolukani asizi, batsho Elundini

IINKOSI zoMasipala iElundini zithi ngumngcipheko into yokolusa amakhwenkwe kweli hlobo ngenxa yeCovid-19, ngoko ke ziye zavumelana ngazwilinye ukuba alizukuqhubeka isiko lolwaluko kula masipala.

Esi sigqibo seenkosi zalo masipala, sivele ngethuba lendibano ebibanjelwe kwiholo ledolophu yaseMaclear kwiveki ephelileyo. Le ndibano ibikhwetywe licandelo lolawulozintlekele kuMasipala weSithili iJoe Gqabi.

UMasipala iElundini wenziwa ziidolophu ezintathu, iMaclear, Ugie neMount Fletcher. Lo masipala uqhuba isiko lolwaluko minyaka le, kwizizwe zamaHlubi, baKoena, nezinye.

Urhulumente wathabatha isigqibo sokuba ulwaluko alizukuqhubeka kubusika balo nyaka ngenxa yeCovid-19.

UNkosi Monki Shadrack Moshoeshoe uthi bavumelene ukuba phantsi kwesigaba sokuqala (Level 1) sokuvalwa kweentshukumo elizweni, malingaqhutywa isiko lolwaluko kula masipala ngenxa yemingcipheko eza nentsholongwane yeKhorona.

UMoshoeshoe uthi noxa nje kukho iingxelo zabeendaba ezithi maliqhubeke eli siko, kweli hlobo, bakholelwa ukuba akucaciswanga gca ukuba baza kukhuseleka njani abakhwetha.

“Asinakwenza iphulo lovavanyo ngempilo yabantwana bethu, kuba xa kukho into egwenxa kuza kufuneka siphendule. Abantu baza kusibuza ukuba siyivumeleni ukuba yenzeke into enje. Okwangoku silindele ukuba ulosuleleko luphinde lubuye kwakhona,” utshilo uMoshoeshoe, okwakwiqonga lolwaluko Elundini.

Ukwathe: “Asizi. Esi sisigqibo esisithathele zonke izizwe noba ngamaHlubi, abaThembu okanye abaKoena.”

Okwangoku, urhulumente kazwelonke akakayiniki imvume yokuba makolukwe. Iingxoxo ngokhuseleko lolwaluko, ngokumayelana neCovid-19, sele ziqhutyiwe apha ephondweni.

Ethetha eHogsback ngenyanga yoMsintsi, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane wathi: “Eyona nto singafuni kuzibona sigaxeleka kuyo kukubeka esichengeni sentsholongwane yeKhorona, amakhwenkwe awolukileyo. Kwibhuma amakhwenkwe olukileyo analo ithuba lokungasondelelani, logama lawo acukene kwisiza sengcibi kuza kuba nzima ukungasondelelani.”

“Abakhwetha endikhe ndabatyelela kule minyaka idlulileyo bendiye ndifike bephaya kwikhulu abanye babo. Ngumngcipheko lowo! Siyaluqonda uxinzelelo lwamakhwenkwe afuna ukoluka,” watsho uMabuyane.

Kusenjalo, uMabuyane usahleli bucala emva kokufunyaniswa enentsholongwane yeKhorona emva kovavanyo. Kwankqu noMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko, uFezeka Nkomonye, naye ufunyaniswe enale ntsholongwane emva kovavanyo.