Yongeze abaphulaphuli abatsha iTruFM!

Owongamele isikhululo sikanomathotholo se-SABC iTruFM
eBhisho, uThobeka Buswana, akawuvali umlomo emva kokwenyuka kwamanani
wabaphulaphuli abaphula-phula iinkqubo zesi sikhululo.

Ngokwamanani akhutshwe liBhunga loPhando
ngezoSasazo, iBroadcast Research Council of South Africa / BRC, iTruFM
 ikhule ukusuka kwi-118 000 yayokutsho kwi-209 000
yabaphulaphuli.

 

Ngokokutsho kukamas’ tishi, oku kwenziwa
zizinto ezininzi, eziquka ukuqulunqwa kweenkqubo ezingqamene neemfuno zabantu.

 

“Ngenxa yezo nkqubo bahlala
bephulaphule, okwesibini kukwazisa isikhululo kwezinye iindawo, ingakumbi ezo
sisandul’ ukufika kuzo ngenxa yokufakelwa kwee-transimitha, abantu bayasamkela
batsho baphulaphule.”

 

“Ngenxa yala manani, xa sithengisa
isikhululo kwezentengiso, ithetha ukuba sinamanani okuthengisela,” kongeza
uBuswana.

 

Kutsha nje, i-trufm, neyayikade iyi-CKI
fm, ifikelele kwiidolophu ebikade ingasasazi kuzo ezifana no-Qumbu, Tsolo,
Ugie, Mt Fletcher neMaclear ezifumaneka ku-102.9 kunomathotholo, ngelixa
inwenwele nakwaBhaca, Ngqeleni, Mbizana, Mt Ayliff, Ntabankulu, Libode, Port St
Johns neFlagstaff ezifumaneka ku-107.8, kuquka idolophu yaseBhayi, iMnyameni,
iRhini neCawa eku94.5.

 

UBuswana ukwaxelele I’solezwe ukuba
injongo yabo kukufikelela kumakhulu amahlanu amawaka [500 000] yabaphulaphuli
ngonyaka ka2020, kwaye esithi “sisebenza nzima ukuze sifikelele apho.”

 

Kwakolu phando lwe-BRC, likwabonisa
ukuba isikhululo sikanomathotholo sikazwelonke esisasaza ngolwimi lwesiZulu,
uKhozi FM,  sisahleli kwindawo yokuqala
ngento engaphaya kwesixhenxe yezigidi zabaphulaphuli, silandelwe sesolwimi
lwesiXhosa uMhlobo Wenene fm ngezigidi ezithe kratya kwisihlanu, ze kwindawo
yesithathu ibe yiMetro FM ephutha-phutha izigidi ezine.