Yonwaba neKoolerBox kule mpelaveki

Umsunguli weKoolerBox uKhululekile Sixaba (kumfanekiso omncinci), ekunene ibe nguAndy Compton

Akusentsuku zatywala inkampani iKoolerBox ibambe umsitho wayo wokuqala ngqa eMonti.

Lo msitho ubizwa ngokuba yiKoolerBox Pop-up uzakuqhutyelwa eDrifters Raceway Theme Park eCambridge, eMonti, ngoMgqibelo. Ukanti ulonwabo lungangoko, nanjengoko belishumi elinanye ooDJ abazakonwabisa uluntu.

Umsunguli wale nkampani uKhululekile Sixaba uthe umsitho lo sisiqalo seminye emininzi ezayo, kwaye injongo yabo kukuphuhlisa iimvumi ezisakhulayo kule ngingqi yaseMonti.

“Kulo msitho sizisa imvumi yaseBristol eNgilane enguAndy Compton ngenxa yothando lwakhe lwelizwekazi iAfrika,” utshilo uSixaba.

UCompton sele ekhuphe amacwecwe angaphezulu kwamashumi amathathu kunye neengoma ezingaphaya kwekhulu. Le mvumi yohlobo lomculo weHouse neyaqala ukuvelisa umculo ineminyaka elishumi elinesithandathu ikhe yasebenza neemvumi zeli loMzantsi Afrika.

“Olu lutyelelo lwam lweshumi elinethoba kweli lizwekazi iAfrica, kwaye okunokulindelwa luluntu lwaseMonti zizinto ezimbini – umculo kunye nolonwabo!” utshilo uCompton.

Le mvumi nesele ineentsuku igalelekile kweli loMzantsi Afrika, ithe eyona nto itsala umdla wayo kweli, yitalente kwanohlobo olwahlukileyo lomculo onesingqi seAfrika.

Ukanti uSixaba uthi zininzi iindlela iintsapho ezizakuthi zizonwabise ngayo kulo msitho. “Izakuba ingumlilo nje, nanjengoko sizakubanabo nabo badlala ngomlilo ngohlobo olonwabisayo,” utshilo uSixaba.

Zizakubakho ke neendawo ezizakuthengisa ukutya kwanezokudlala abantwana. “Lo msitho uzakuba ngonomahluko, nanjengoko ungowokudibanisa uluntu kwanokonwabisa usapho luphela,” wongeze ngelo uSixaba.

Iingcango zivulwa ngentsimbi yeshumi kusasa. Amangeno aqala kwiR100 ukwenyuka, ukanti abantwana abangaphantsi kweshumi elinesihlanu leminyaka bangena mahala.