Yonwabela intwasa-hlobo nabasebenzi basegaraji

Umsebenzi wakwaCaltex kuKomani uClive BooiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

YIMINYAKA mihlanu uClive Booi esebenza kwaCaltex kuKomani, kwaye ngoku into eyenza ukuba wenze umdla nangakumbi umsebenzi wakhe kukuba unolwazi olungummangaliso lokutyebisela abaqhubi ngeendawo abanokuthi bazityelele xa befuna ukonwaba.

Kwixa elizayo xa uphinda utyelela kwigaraji yakwaCaltex, kwiindawo ezithile eMpuma Koloni, ungonqeni ukubuza abasebenzi bale garaji ngendawo enokunceda wonwabele iziyunguma zentwasa-hlobo kuba abasebenzi bezi ndawo bafumene uqeqesho lokwalathisa abakhenkethi.

Ukuphawula le nyanga yezokhenketho, i-Arhente yeMiyezo nezoKhenketho eMpuma Koloni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency [ECPTA]) isungule iphulo apho ibandakanya abasebenzi bakwaCaltex njengabalathisi okanye oonozakuzaku bezokhenketho.

Oku kuthetha ukuba ngale nyanga yoMsintsi, abasebenzi beegaraji ezikhethiweyo zakwaCaltex kuKomani, Cape St Francis, Jeffrey’s Bay, Rhafu, Qumrha naseMthatha bazakuvatha izinxibo ezikhombisa ukuba ngabalathisi kwezokhenketho, ezibhalwe I DO TOURISM.

“Lo nto ithetha ukuba wonke umntu walapha eMzantsi Afrika unoxanduva lokwamkela abakhenkethi. Abanye abantu baye bangawaqondi amathuba engqesho avela sisalathisa abakhenkethi, ngokomzekelo ukubatolikela ukusuka esiXhoseni ukuya esilungwini,” utshilo uNopasika Mxunyelwa, igosa eliphezulu kwezonxibelelwano kwaECPTA.

UMxunyelwa uthi iMpuma Koloni ixandile ngeendawo ubani anokuzityelela ukusuka kwimiyezo yezilwanyana, iilwandle, ubuhle bendalo njalo njalo.

UBooi uthi uyavuya ukuba yinxalenye neli phulo le-ECPTA. “Ndiyavuya kakhulu, ndiza kukwazi ukwalathisa abantu ndibabonise ukuba zeziphi iindawo abanokuzonwabisa ngazo kuKomani neendawo ezingqongileyo. Ukwalathisa abantu yinto esiyenzayo rhoqo njengokuba sisebenza apha egaraji nje, ngoko ke ngumsebenzi ongenzimanga kum lo,” utshilo uBooi.

Yena uThabisa Qayi, okwangumsebenzi wakwaCaltex, uthe: “Ndiziva ndonwabe kakhulu ukuba yinxalenye nolu qeqesho lakwaECPTA. Ndifumene isakhono sokwazi ukuthetha nabakhenkethi, futhi ndibakhombise iindawo abanokuya kuzo.”

UMxunyelwa uthi bakhethe ukusebenzisana noCaltex ngenxa yokubona umxakatho kubasebenzi basegaraji.

“Ukuba ndiyalahleka xa ndithathe uhambo, eyona ndawo yokuqala ukubuza ngabasebenzi basegaraji ngenxa yokuba bathembekile futhi bayayazi indlela. Banolwazi ngeendawo ezingqonge igaraji leyo yabo,” utshilo uMxunyelwa esithi eli phulo bazimisele ukulinwenisa nakwixesha leziyunguma zasehlotyeni.