Zange acele xolo amaBhulu

Yazi ndikhe ndihlale ndicinge ukuba kolu xolelwaniso lwaluzakuzelwa ngootata uNelson Mandela neentanga zakhe lwasinceda na okanye sashiyeka isithi baxoleli abazikhande ngenyhek’ etyeni?

Ndenza ukuba njengokuba ixesha liye lihamba kuye kucaca ukuba olwahlanga lwalusicinezele siyindlu emnyama luphila kamnandi kwaye ininzi into ephuma kubo emlonyeni eshiya incindi yekhala kwezethu iimvakalelo.

Andiyazi nokuba ndim na, mhlawumbi ndinolunya; okanye ingaba le genge yasihlutha umhlaba woobawo iyafuna ukuphilisana nathi na njengabantu abalinganayo?

Andidali mfazwe ndingakhuthazi nabundlobongela kodwa kukho izinto ezehlileyo mvanje ezindenza ndizibuze imibuzo.

Ezi ngcamango ziphenjelelwe yintetho katata uKallie Kriel nongumphathi wombutho iAfriForum, phambi kokuba ndikuncokolele ngale ntetho yalo tata mandikhe ndikukrobise ukuba yintoni kanye kanye le nto kuthiwa yiAfriForum.

Lo mbutho wasekwa ngonyaka ka2006, wona ayinguwo umbutho wezopolotiko ntonje ngumbutho olwela amalungelo oluntu.

Olu luntu ke lunamalungelo alwelwa ngulo mbutho ngabo bantu bangesiso isininzi apha eMzantsi Afrika. Mhlawumbi uyazibuza ukuba uthini na uDee Lukes?

Ndithi kuwe ngentetho evakalayo lo mbutho wasekwa khon’ukuze ukhuthaze amabhulu ukuba akhuthalele ukulwela amalungelo awo, badlale nendima ebonakalayo yezopolitiko kweli, noxa nje lo mbutho ingenguwo owepolotiki.

Lo ngumbutho owasekwa ukuze ukhusele isiko lamabhulu nembali yawo.

Oku ukubona ekuchaseni kwawo ukuthiywa ngokutsha kwezitalato neendawo apha eMzantsi Afrika, nokujongwa kweemfuno zabantu ababecinezelwe ngaphambili, le nto kuthiwa yiaffirmative action, bathi bayibona iyingcinezelo lo nto.

Ngokomgaqosiseko weli lizwe akukhonto igwenxa kule migomo yeAfriForum ngokuba elowo nalowo unelungelo lokukhusela amalungelo akhe.

Nam akhonto indothusayo kwimigomo yeli qela ngokuba amabhulu kudala angabantu abazidlayo ngesiko labo, mabalikhusele ke ukuba babona njalo.

Masibuyele ke kwintetha yomphathi walo mbutho ukuba yintoni le isishiye sonke sicaphukile kwaye sibambe ongezantsi.

Lo mfo kaKriel uthe xa ebethetha kudliwanondlebe kunomathotholo walikhupha latsola ukuba ingcinenzelo ayilulo ulwaphulomthetho nonyhasho lwamalungelo abantu ncakasana.

Uyibhentsisile lo mfo esithi ukubaphantsi korhulumente wengcinezelo kwafa kuphela abantu abamnyama abangamakhulu asixhenxe, uthi ke xa ulithelekisa eli nani labafileyo nelabo babulawa phantsi komyalelo kaAdolf Hitler waseJamani lincinci kakhulu, ithi lo nto ingcinezelo le ayinakude ifaniswe nezenzo ezinjengezo ukubizwa ukuba lulwaphulomthetho olujolisa kuluntu ngokubanzi.

Uphinde ke le nto yakhe wayithethe kudliwanondlebe nelinye iphephandaba.

Masijonge nje obu buxoki buthethwa ngulo bhuti xa ezathuza le mbono yakhe ife amanqe.

Uthi urhulumente wengcinezelo wabulala abamnyama abangamakhulu asixhenxe kuphela, ngamampunge lawo.

Ngokwezibalo ezenziwa yiKomishini yamaLungelo aBantu kunye neKomishini yeNyani noXolelwaniso, inani labantu abantsundu nje kuphela ababulawa phantsi kwesandla sorhulumente wengcinezelo lingaphaya kwamashumi amabini ananye amakhulu.

Ndizibuze ke ngoku ukuba uxokiswa yintoni uKriel? Ingaba isazela sobundlobongela bengcinezelo simenze wakhetha ukulibala? Okanye ikhona into iAfriForum ephezu kwayo?

Sekutheni ngoku beza kuvela besithi ingcinezelo esiphuma kuyo sisisizwe esintsundu ibingeyonto ingako?

Nantso ke eyam ingxaki nala mbutho, bathe ekulingeni kwabo ukukhusela isiko labo benza isizwe esintsundu njengabantu abangenaxabiso nobomi babo.

Phofu ke kunjalo xa uxolelwe ungakhange ube ucele uxolo. Kodwa ke nokuba olwahlanga nemikhambathi yalo lucinga ntoni na ngathi asisoze sibuyele emva ngenxa yalo, siza kuqhubeka sibheke phambili sakhe ikamva eliphucukileyo labantwana bethu kweli lizwe lakowethu.

Aluta continua!