‘Zange ndambona uthikoloshe!’ – sikhumbula umzobi weNtsimbi

Umzobo kaMbulelo R. Ntsuku kwiphephandaba Intsimbi Umfanekiso: Uthunyelwe

Ndibhala ndibuhlungu kukufumanisa udaba lokuba uMbulelo Robert Ntsuku (Days) walishiya eli, ingakumbi kukuva ukuba ulishiye ngonyaka ka2016, kum ezi ndaba zifika xa kukekela u2019.

Ngubani uMbulelo R. Ntsuku?

Njengokuba ndizelwe xa kuphela ii60s, ndibhadle apha kwii70s kukho inani lamaphephandaba esiXhosa asele abhanga. Phakathi kwawo kwakukho elalibizwa INTSIMBI. Kulo kwakusebenza uMbulelo Robert Ntsuku owayengumzobi (cartoonist). Mna kodwa andimazeli apha uMbulelo. Abantu ababefunda kwisikolo samabanga aphantsi (ngoko) iMaxhwele bayakukhumbula ukuba iindonga zesi sikolo zazibhontebhonte yimizobo yakhe eyayitsala umdla elisweni nasengqondweni.

Ngokwenza kukaHenry Nomkruca noMzimtsha Maxhwele (Ah! Jongisizwe) abangasekhoyo naye uMbulelo ukhe wanethutyana ehlala emzini katitshala uThiyane owayeyinqununu kweso sikolo iMaxhwele. Safumana umnqa satsaleka ukubona umntu ezoba umntu ange uthatyathwe umfanekiso ngekhamera.

Nomzi lo kaTitshaha uThiyane wawuyinto entle ngaphakathi nangaphandle iindonga zihonjiswe nguMbulelo lo. Wemka ke apho (KwaTitshala uThiyane) asakugqiba amabanga anikezelwa yiMaxhwele leyo, kwavakala mva ukuba waye waya kwisikolo samabanga aphakamileyo eTabase, iJumba.

Sibaliselwa nguMnu Mzimkhulu Mathanda owayelilungu lombutho wababhali uSimanywa Lusiba Writers Club ukuba wakha wasengxakini apho esikolweni eJumba kuba ititshalakazi ethile ifike eyizobe ebhodini. Kwakulula ngoko ukuphawula indelelo kumzobi kunokuba kuqatshelwe isiphiwo esi sokuzoba.

Lo kaMathanda uva ndifunda umsebenzi ongekagqitywa othi ROBNAC, isihloko selivo elo ndandisibhala ngesiNgesi ndisithathe kumbhalo endafika ukho phezu komnyango wendlu awayehlala kuyo kwilali yaKwaSitwayi. RobNAC (Robert Ntsuku Art Concern), ingumzabalazo awayewuthwele yedwa ukukhusela iingcali zokuzoba nokuveza izimvo ngemizobo. Njengalo wawukwiphepha ISIGIDIMI kwiminyaka emininzi eyadlulayo apho abeka umnwe kugonyamelo lokulawula iinkonzo nokuzibeka kwabantu abangamadoda njengabalawuli ababekwe nguMdali.

Ubalisa ke ukuba uthathwe apho eJumba liphephandaba Intsimbi ukuba eze kulizobela. Usweleka lo kaNtsuku enesimbonono sokuba ubuchule bakhe abumncedanga kuba ngewaye waqhuba noko nesikolo ukuba wayengathathwanga aye kusebenzela eli phepha. Esitsho njalo ubuye athi akazazi nokuba naye wayeyakungenwa likratshi elisebantwini abafundileyo na. Abafundi beNtsimbi bakumkhumbula ngenqakwana lemifanekiso – Umagoloda nempuku.

Kwingqokelela yemisebenzi yakhe awayeyigcinile endlwini yakhe ngumzobo awawuyilayo ngoMzantsi Afrika omtsha apho wayezobe ipali yombane ende ekutsalwe kuyo umbane oya kungena kwipomakazi lendlu enkulu, uze kwelinye icala yondle ngombane indlwana ehlelelekileyo. Lo mfanekiso wawupapashwe liphepha iNew Nation eGoli.

Emva kokusebenzela Intsimbi uzenzele elakhe iphephandaba Isigidimi ecele uncedo kusomashishini angazange amxele waseMthatha. Umnqa wento ngeli lakhe iphepha kukuba wayewabhala ngesandla onke amanqaku, lingenayo nenye intengiso. Wayesithi ke injongo yakhe kukwandisa ulwazi.

Uzibalule ngokucinga kakhulu ngokukhululekileyo, engahambi nomgibe wezinto ezilandelwa kuba ziqhelekile. Lo mzobo owawukwiNtsimbi kwiminyaka yee70s wawuhlasela uluvo lokuba abantu ababhinqileyo abanakukhokela iinkonzo.

UBhuti Mbulelo ukhe wabalisa ukuba ukhe wasengxakini nabaphathi bakhe ababe mhlophe kuba esuke waxela ukuba akazange ambone uthikoloshe awayeyalelwe ukuba amzobe. Iqela ebelizama ukuvelisa ifilimu (documentary) ngokubhanga kwamaphepha esiXhosa eMpuma Koloni likhe ladlana naye iindlebe ngonyaka ka2014 ehlala eTyumbu ngoko. Bendiyawakho nam kwelo qela. Safika kuye ehamba ngale bhayisekile. Kodwa alibanga lide ixesha kwavakala ukuba urhawulwe ngoonqalintloko balo Mthatha bayoxutha.

Ethubeni kuya kubakho imigca embalwa ngaye uRobert Mbulelo Ntsuku esuka kuMnu M. Sodo ekwisebe lezobuGcisa neNkcubeko ePhondweni oye naye wanethamsanqa lokudibana nalo kaNtsuku, embiza Days. Ethubeni ndakumfumana uthikoloshe lowo wayemzobile ndinibonise ngemvume yoMhleli weli phepha.

Umnqweno wakhe ibikukubuya asasaze iindaba, abeke uluvo lwakhe ngemizobo yakhe.