‘Zange ndasifumana isatifiketi sebanga leshumi’

USamkelo Mbele waseSite C

Kapa:

Ibanga leshumi sisitshixo sokuqala sokuvula amasango awohlukeneyo ebomini. Kwiindawo eziliqela zokuxelengela inyama kukhokeliswa lona kuqala xa ufuna umsebenzi, xa ungenaso isatifiketi sebanga leshumi uye ufe namthanyana, kodwa ke intetho yesiXhosa ithi umasindw’ezama akanatyala.

USamkelo Mbele (35) nohlala kwindawo yoogibityholo iTaiwan, eSite C, eKhayelitsha ubhuqa isiqinisekiso sokuphumelela ibanga leshumi.

“Kudala ndisehla ndisenyuka kwiSebe leMfundo eNtshona Koloni ndizama ukuba kudityaniswe iziphumo zam zebanga leshumi ukuze ndifumane isatifiketi sam,” utshilo uSamkelo.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ngonyaka ka2006 wabhala iimviwo zebanga leshumi ze akaphumelela kakuhle, oko kwabangela ukuba afumane iStatement of Symbols esibonakalisa ezo zifundo wathi waziphumelela.

Uthi emva kweminyaka elishumi walishiyayo ibanga leshumi ezama ukufumana umsebenzi, waqonda ukuba ngonyaka ka2016 makabuyele kwakho esikolweni ukuzama ukuba aphumelele izifundo angazange aziphumelele ngethuba wayesenza ibanga leshumi. USamkelo uthi ukwazile ukuba azibhale aziphumelele izifundo awayesilela ngazo ukuze afumane isiqinisekiso sokuphumelela ibanga leshumi.

Uthi ngomhla wesibini kweyeDwarha kunyaka ophelileyo, wandwendwela iSebe lezeMfundo eNtshona Koloni ngeenjongo zokudibanisa izifundo zakhe ukuze afumane esi satifiketi, uthi oko wakwenza ngempumelelo, ze waxelelwa ukuba makalinde isithuba seeveki ezisibhozo phambi kokuba asifumane. Uthi oko akuzange kwenzeke nanjengoko ethe gqolo ezama ukujonga ukuba asikakhutshwa kusini na, uthi kumatyeli aliqela eswantsulisana nesebe ubuye nelize, suke waxelelwa ukuba kukho inkqubo entsha yomgaqonkqubo yokudityaniswa kwezatifiketi ebizwa ukuba yiState Information Technology Agency (SITA).

“Andingeni ndawo kutshintsho lweenkqubo zabo, into endiyifunayo sisatifiketi sam sebanga leshumi kuba ndiyasokola ukufumana umsebenzi, ndiphoswe ngomnye kutshanje kudliwanondlebe ebendikulo, nalapho kufunwe isiqinisekiso sam sebanga leshumi ukuze ndifumane umsebenzi,” utshilo.

Le ndoda usapho lwayo luxhomekeke kuyo ukugxotha ikati eziko nanjengoko inenkosikazi, umntwana omnye kwanamanye amalungu osapho axhomekeke kuyo.

Isithethi kwiSebe lezeMfundo eNtshona Koloni, uJessica Shelver, uvumile ukuba lukho ulibaziseko kule nkqubo intsha kaSITA, nadiza ukuba imiliselwe kulo nyaka kweyeThupha.

Umbuzo uthi ingaba ulibaziseko malunga nokukhutshwa kwesatifiketi sikaSamkelo kudibanaphi nale nkqubo intsha nanjengoko wafaka isicelo kweyeDwarha kunyaka ophelileyo.

“SiliSebe leMfundo eNtshona Koloni siyaxolisa ngolu libaziseko,” utshilo uShelver, uSomlomo wezeMfundo eNtshona Koloni.

Uyavuma ukuba le nkqubo itsala nzima ukudibanisa izifundo khon’ukuze abo bafake izicelo bakwazi ukufumana iziqinisekiso zabo zebanga leshumi.

UShelver uthi sele becele iSITA ukuba iwulungise lo mba wolibaziseko malunga nezicelo zabafundi. Wongeze ngelithi baza kuqhubeka ukufakana imilomo nokaMbele de isonjululwe le nyewe.