Aphantsi naphezulu amapolisa aseNgqushwa ezingela oozungul’ichele bamasela, athe gqolo ukuba iipali zikaTelkom.
Iipali ezo ziqhagamshelisa iminxeba yee-ofisi zikamasipala nezikhululo zamapolisa kwiingingqi ezifana neWesley, iGcinisa, Crossroads, Loverstwist, Hoyi, Tyityaba, Tuku naseLeqeni.
Nangona le nyewe yokubiwa kwezi pali zikaTelkom inegalelo elibi kwezi ngingqi, enye yeengxaki oku kuza nazo kukuhexa kweenkonzo zesipolisa ngenxa yokungaphumeli kweminxeba kwizikhululo zamapolisa ezikufutshane, ezifana nesikhululo saseBell.
UDaniswa Ncanywa onguceba wale ngingqi usinyevulele esi senzo, ekwabongoza abahlali ukuba bohlukane nalo mkhwa.
“Lo mkhwa uchaphazela kwathina singabahlali, ufuna simanyane sijonge ezi zigilamkhuba, sihlukane nomkhuba wokuthenga izinto ezibiweyo ngokuba zibiwa zithengiselwe kwathina’’ utshilo uNcanywa.
Kunyakamali kaTelkom, uGugulethu Maqethuka walibeka lacaca ukuba baza kusebenzisana namapolisa ukufumana izigilamkhuba eziba iipali zikaTelkom, kwaye ebongoza abahlali basebenzisane nabo.
Usomlomo wesipolisa uKapteni Mali Govender, uthi sekungumyinge ongaphezulu kweshumi elinambini lamawaka eerandi lo monakalo owenzeke kule ngingqi.
“Ityala lobusela livuliwe, kwaye lisaphandwa, umhlali othe wanolwazi malunga nokubiwa kwezi pali ancede atsalele umnxeba ku086010111, kwaye siyaqinisekisa ukuba siza kumkhusela,’’ utshilo uGovender.
isbhalo@inl.co.za
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo