Zazi ukuba ubhatalela ntoni kwiFuneral Cover

Imbi into esiye siyibone singabangcwabi. Phantse zonke iimpelaveki kubakho iziganeko zosapho oluswantsuliswa, lusokoliswa yinkampani ethile eyayibathengisele iFuneral Cover.

Xa kuthe kwabhujwa kwelo khaya, bazame ukuyofuna ezoomali bebezityala zonke iinyanga, basuke baxelelwe amabali okanye ingafumaneki tu loo mali!

Kubenzima mpela kolo sapho. Bayabethakala. Baye bayokuboleka iimali koomatshonisa ukuze bangcwabe. Ayikho enye indlela ngoba xa uboleka kwibhanki iye ifune iimpepha ezininzi kunye neziqinisekiso zokuba uzakuyibuyisa njani loo mali. Kwaye usakungcwaba, emva kokuphoxwa yilo nkampani ubutyala imali yokungcwaba kuyo, kubanzima nokuvula ityala eli emapoliseni.

Amapolisa awaxhotyiswanga ngolwazi olwaneleyo lokulandelela imiba yezi nkampani zithengisa iiFuneral Cover. Kwaye kuba nzima nokuyiphanda ngoba kwa aba bantu babekuthengisele abasaphenduli kwa iifowni ezi zabo, abafumaneki kwii-ofisi zabo okanye basuke babe namabali amaninzi azama ukubonakalisa ukuba wena ubungafanelwanga kubhatalwa.

Mhlawumbi waphosa inyanga enye ungabhatalanga. Bakubethe ngalo nto.

Kule veki ndithe makhe ndibhale ngalo mba. Kwaye ndicebise wena mfundi wephepha ukuba ungafumanisa njani ukuba inkampani ethengisa iiFuneral Cover isemthethweni na kwaye ibhalisiwe ngokufanelekileyo.

Okokuqala kufuneka ukwazi ukuphawula iFuneral Plan okanye iFuneral Cover eyiyo.

Uyenza njani le nto?

Xa uzakuthatha iFuneral Plan kubalulekile ukuba ufune iimpepha zabo zokubhaliswa njengenkampani. Ezi mpepha zabo kufuneka zichaze ukuba bona kuqala babhaliswe phantsi kweyiphi inkampani?

Le nto bathi yi “underwriter” xa beyikhumsha. Ngubani iUnderwriter yale nkampani ikuthengisela iFuneral Plan? Idla ngokuba ngoo-Old Mutual, Union Life, nezinye iinkampani ezinkulu.

Ukuba ayinayo kufuneka ukrobe ukuba ingaba na babhalisiwe kwiFinancial Services Board (FSB). KwaFSB banomnxeba osimahla onokubafumana kuwo ku: 0800 20 20 87.

Lilonke ndithi: Ukuba umntu ukuthengisele iFuneral Plan, cela ukubona i”Underwriting Certificate” sakhe.

Umntu makangoyiki ukubuza ngezi nkcukacha. Xa ungabuzi izakuhamba ihambe ibethe kwawena yonke le nto xa kufuneka bekubhatele. Sukoyika.

Makhe size ke ngoku kubantu abasele benayo iFuneral Plan kodwa banesikrokro sokuba ayibhaliswanga okanye masithi bafumanise ukuba ayibhaliswanga le nkampani bafaka imali yabo kuyo. Yenza kanje:

Xa ufumanise ukuba inkampani okuyo yeFuneral Plan ayibhaliswanga, uye unxulumane neFSB (kula nombolo bendiyibhale ngentla) izakuncedisa ukuba ubuyiselwe imali yakho.

Bona ke kwaFSB bakukuncedisa ekuvuleni ityala nasekuphandeni loo nkampani ithengisa iiFuneral Plan zomgunyathi okanye ezingabhaliswanga ngokufanelekileyo.

Eminye imingeni esiye siyibone isithi gqi kwimiba yeFuneral Cover okanye iiFuneral Plan kuxa kubhujiwe kwikhaya, usapho luthi luye kwinkampani le, lufike lufumanise ukuba luzakunikwa imali kuphela okanye luzakunikwa ibhokisi yokungcwaba qha.

Kubalulekile ukuba wazi xa usabhalisela leFuneral Plan ukuba ingaba na uzakufumana imali okanye uzakufumana iinkonzo zokungcwaba xa kuthe kwenzeka ukuba kubhubhe umntu ombhalisileyo.

Njengokuba wena ubanika iR50 ngenyanga, yintoni kanye kanye ozakuyifumana xa kuthe kwabhujwa?

Kufuneka le into uqiniseke mpela ngayo. Imbi into yokothuka ngexesha likaxakeka ukuba uzakufumana into ethile kuphela.

Ngethemba lokuba iyavakala. Ukuba unemibuzo emalunga noomasingcwabane okanye iiFuneral Cover okanye nayiphi na into edibene nemingcwabo, ungandibhalela ku isibhalo@inl.co.za okanye uthumele uWhatsapp ku 063 734 1944

*UMbasa Voyi usuka kwinkampani enguCompliance Factory; inkampani ecebisa abahlali namashishini ngemiba ngemiba.