Zemk’ iinkomo magwalandini! Sipho Pityana

Ukhwel’ ezehlela kwiANC, naku mongameli wayo uJacob
Zuma, uSipho Pityana, emngcwabeni wegqala lomzabalazo uMfundisi Makhenkesi
Stofile. Lomngcwabo ubuqhutywa kwiYunivesithi yaseFort Hare eDikeni, nalapho
uStofile ebeyingqonyela ngethuba lokubhubha kwakhe.  

Uthe babekunye noStofile ngethuba uZuma ethetha
nelizwe emva kwesigwebo senkundla yomgaqosiseko, eyamfumana enobugwenxa
bokophula isifungo sobongameli, kwano mgaqosiseko. OkaPityana uthe intetho yakhe ebeyilungiselele ukuyisa ngqo kuZuma.

Ugxeke uZuma ngokuhla kwesidima samabutho aphando
afana neGunyabantu Lezotshutshiso, ooKhetshe, kwakunye nePalamente.

“Xa inkundla yomgaqosiseko ifumanise ukuba wophule
isifungo ithetha ukuthi awusenayo lambeko yangexesha elingaphambi koko, ithetha
ukuthi awusathembakelanga,” utshilo okaPityana.

Ukwathe amadoda afana nooStofile aphoswa ecaleni
kufakwa abo bazibandakanye neANC ngenxa yenzuzo. Uthe akukho mathandabuzo
wokuba iANC ikwi ngxubekaxaka. Oka Pityana uthe abo basenamathandabuzo
mabajonge okwenzeke kulonyulo loorhulumente basekuhlaleni.

Ugxeke lo mbutho gokususa ityala kuwo endaweni yokuvuma
ukuba konakele.

“Xa sithetha ngokuba kutheni silapha, sithi kungenxa
yokuba abeendaba bathetha kakubi ngathi, mhlawumbi kunjalo, sityhola
oorhulumente bamazwe aseNtshona abafuna utshintsho kulo mbuso, mhlawumbi
kunjalo, sithi mhlawumbi ngabantsundu abafundileyo, sityhola imibutho
yasekuhlaleni ngelithi efumana inkxaso kumazwe angaphandle, kodwa uStof
wayengakholelwa kulonto. Ebesikhumbuza njalo ukuba uOR Tambo wathi masibe
ngamalungu anobunyaniso obungathandabuzwayo,” utshilo uPityana.

Uncome uStofile ngentlonipho ye-ofisi
yaseburhulumenteni essithi, “Zange azakhele ipomakazi lomzi kwindawo egcwele
ubuhlwempu, kuba wayesazi ukuba xa uyinkokeli uqala ngabantu, ugqibele ngawe.
Ngethuba wayetyholwa ngobuqhophololo zange azifihle, agxeke ikomishini
eyayimpanda, waya enkundleni wayohlamba igama lakhe.”