Zenyukile izimangalo ngakuMprofeti osematyaleni

Zenyuke
zaya kuma kumashumi amabini anesibini izimangalo ngakumprofeti  webandla iJesus Dominion International zisuka
kwisibini abesibekwe ngaphambili,  apho
ebetyatyekwe ityala ngokurhweba ngamanina nangokuxhaphaza ngokwesini amantombazana
angamalungu ebandla lakhe.

Inkundla
kamantyi wesixeko saseBhayi ibizele imi ngeembambo kuphume nothathatha  namhlanje ngethuba lo mprofeti ebevele
enkundleni kuzokuphulwa-phulwa isicelo sebheyile. Abaxhasi bakhe abangamalungu
namagosa akwakhe, bambi bephuma kumanye amaphondo kuquka noogxa bakhe abangabaprofeti
kumanye amabandla –  bebethontelene
ngaphakathi nangaphandle kwale nkundla bekhuphisana ngengxolo.

Bekukho nabachasi bakhe
ababandakanya amanina ombutho weAfrican National Congress (ANCWL), iWomen
Against Women Abuse (WAWA)  neEconomic
Freedom Fighters (EFF),  ngelixa amalungu
eli bandla ibingawo amaninzi.

Le
nkundla iye yamiswa isithuba esingangeyure kusukela kwimpikiswano phakathi
komgwebi  nabathetheleli bommangalelwa
ngenxa yesicelo seziko losasazo lwe-SABC sokusasaza yonke inkqubo yeli tyala
kumabonakude nakoonomathotholo.

Abathetheleli
basalile esi sicelo besithi makuqhutywe, umgwebi ayalele ummeli weli ziko ukuba
aze nesicelo esibhaliweyo ebengasiphethanga.

“Size
apha sizokuxhasa ugxa wethu enkosini kwaye asijiki, sinqwenela ukuba umthetho udlale
indima yawo, indlela kaKristu yayingemnandi kuba kwathethwa izinto ngaye wade waxulutywa nangamatye, ” kutsho umprofeti  uAmos Kojo omnye wabaxhasi baka-Omotoso.

“Ndandikhonza
kwibandla lakwaDonki iMethodist Church in Africa
apha eBhayi, umfundisi wakhona wazeka umfazi womntu, lo ayingomfundisi wokuqala
ukuzeka,” litshilo elinye inina kubaxhasi bakhe.

Ongunobhala
wephondo le – ANCWL uBukiwe Mfanta, ugxeke amalungu angamanina ale nkonzo
ngokuphuma ngobuninzi ngeliza kuxhasa u-Omotoso endaweni yokuma ngakwicala
lamaxhoba.

“Mabaphume
egusheni abantu beli bandla kuba kucacile ikho into engalunganga eqhubekayo
ngaphakathi,  nabefundisi bakwalizwi
abekho apha,” utshilo. 

Ityala
liyaqhubeka kwakhona ngomso.