Usekela mphathiswa wesebe lamanzi nogutyulo lelindle kweli uPam Tshwete uthi uyazazi apho zivela khona iziyobisi ezibhuqa abantwana belizwe loMzantsi Afrika.
“Iziyobisi ezigqiba abantwana kweli loMzantsi Afrika zisuka eMelika ngenjongo zokubulala ulutsha loMzantsi Afrika nehlabathi ngokubanzi, apha ehlabathini inye indawo evelisa iziyobisi yiMelika bakugqiba bazithumele kumanye amazwe bengazityi bona,” uthethe watsho uTshwete.
Lo mphathiswa uthethe oku ngethuba ethetha nabafundi kunye nabazali baseDonqaba eFrankfort ngaseQonce. Uxelele longinginya ukuba yahlukane nokukhusela abantu abathengisa iziyobisi kwiindawo abahlala kuzo. “Kuphando endilenzileyo kumazwe amaninzi ehlabathi endihambe kuwo ndifumana ukuba ngoomama abanobuqili bokuthenga nokuthengisa iziyobisi ebantwaneni,” uthethe watsho uTshwete.
Uhambisa athi ezi ziyobisi zisuka kumazwe afana neMelika zize kungeniswa ezilokishini zeli nasezilalini.” Ababantu bathengisela abantwana ezi ziyobisi niyabazi qha ningamagwala anibaxeli kodwa niyabazi, kutheni nisenza lonto,” uthethe oko uTshwete. Utyhola ngelithi oomama abasetyenziswa ukuthengisa iziyobisi bazifaka emagwinyeni nakwezinye izinto abazithengisa ezikolweni ukuze zingabonwa.
“Ndiyababongoza abantu ukuba bohlukane nalomkhuba wokutshabalalisa abantwana bethu, umntu makaqale phaya emzini wakhe azityise abantwana bakhe ezi ziyobisi ukuze azokubona ukuba zenza ntoni emntwaneni,” utsho uTshwete. Uthi ingalo yomthetho izakuba bamba abantu abaqhuba lomkhuba wokubulala abantwana ngeziyobisi ukuze ifikelele esiphelweni lengxaki ibhuqa ilizwe.
Uninzi lwezikolo zeli zibhuqwa yingxaki yabafundi abasebenzisa iziyobisi, oku kuchaphazela inkqubo yokufunda nokufundisa, utshilo uTshwete.
Iziphumo zophando ngokusetyenziswa kweziyobisi lulutsha kwihlabathi ngonyaka ka 2013 labonisa ukuba ilizwe loMzantsi Afrika lihamba phambili kwihlabathi.
Ngonyaka ka 1995 uphando labonisa ukuba ngamaqela arhubuluza ethengisa iziyobisi akwikhulu namashumi amabini athengisa iziyobisi ngoku ngekho mthethweni kweli loMzantsi Afrika.
“Ndizakuzinikela ekulweni nalengxaki ingakumbi apha ezilalini kuba nina kulula ukuqhathwa ngaba bantu besiza kuni bengena ngecala kanti bafuna ukuthengisa iziyobisi, bachazeni ababantu yekani ukubafihla,”utshilo uTshwete.
Lo mphathiswa uthi abantwana balotywa ngalamaqela ngokubanika iziyobisi simahla ukuze kamva benziwe amalungu ngokupheleleyo kulamaqela athengisa iziyobisi. Ngokwengxelo ye Interpol ekhutshwe ngenyanga yeKhala kulo nyaka ngamawaka amathathu abemi beli loMzantsi Afrika abavalelwe kwiintolongo ezahlukileyo kwihlabathi ngenxa yokuthengisa iziyobisi
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi