Ilizwe laseNamibia lisentsikelelweni yokuthandwa zizityebi zehlabathi ezithanda ukuya kuhlala zibe ngabemi bela lizwe. Oku kungenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo, kodwa ezona ziphambili yimeko yezopolitiko ezinzileyo kunye nokungabikho kolwaphulo-mthetho.
Kukho iingxelo zokuba zizityebi ezingamawaka amabini anekhulu ezivela kumazwe ehlabathi eziseNamibia.
Ingxelo ekhutshwe ngamajelo eendaba eNamibia, ithi, kulindeleke ukuba likhule ngamashumi amathathu anesibini ekhulwini eli nani ngenxa yokunyuka komdla kwezi zigwili.
Ilizwe laseNamibia lelinye lamazwe aphambili ngenzolo nokhuseleko kwihlabathi. INamibia ineendlela ezisemgangathweni ezintle ezifanele ukuhanjwa ngeemoto zexabiso eliphezulu.
Ikomkhulu laseNamibia, iWindhoek, yeyona dolophi icocekileyo kwilizwekazi laseAfrika. Umbutho owakhulula ela lizwe kwingcinezelo, iSouth West Africa People’s Organisation yayinobuhlobo obuhle neANC ngamaxesha omzabalazo.
Emva kokuphuma eluvalelweni esiqithini iRobben Island, uSam Nujoma waba nguMongameli walo mbutho waza wakhokela ilizwe laseNamibia.
Ezolimo yenye yeendlela ela lizwe lingenisa ngayo imali ngokulima ingqolowa, umbona nezinye iimveliso zolimo.
Ukungena kwezityebi zehlabathi kwela lizwe kulindeleke ukuba kukhulise ngamandla imeko yoqoqosho ukuze kudalwe amathuba emisebenzi.
Amajelo eendaba aquka amaphephandaba kwakunye noonomathotholo basebenza ngokukhululekileyo kwela lizwe ngokungafani nendlela aphathwa ngayo eMelika, Fransi, Ngilane, Australia, naseSpain.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa