Zibiziwe izizwe zamaMpondo eSiphaqeni

Zibizwe zonke izindlu zamaMpondo eSiphaqeni kwiKomkhulu lesi sizwe ngenjongo zokuqhubela phambili amalungiselelo okubekwa kweKumkani yabo uZanozuko Sigcau.

Ingxelo ekhutshwe leli komkhulu kunyaka ophelileyo idize ukuba bajonge ukubeka iKumkani ngokwe siko lamaMpondo ngomhla weshumi elinethoba kule nyanga yoMqungu emva kokulinda ixesha elide ngenxa yengxaki ezahlukeneyo.

Othethe egameni leli Komkhulu uNkosi uVuyani Sigcau uthi abathandabuzi ukuba amalungiselelo abo emi ngendlela.

Le Kumkani ilityaziswe yimpikiswano engaphakathi kwikhaya lakwaSigcau malunga noyena unelungelo lokuthatha esi sikhundla.

“Ukuza kuthi ga ngoku yonke into ihamba ngendlela ngoLwesihlanu umhla wesihlanu zibiziwe zonke izindlu eziphambili zasemaMpondweni, ukuze kugqityezelwe amalungiselelo,” ucacise watsho uSigcau.

Ingxelo yekhaya ithi kulindeleke iKumkani ezivela kuzo zonke izindlu zeeKumkani kweli loMzantsi Afrika. Ithetha kunyaka ophelileyo iKumkani yesizwe samaXhosa uZwelonke Sigcawu waqinisekisa ukuba akakuthandabuzi ukuba uyakuwuzimasa umcimbi wokubekwa kwale Kumkani.

“SingathaNDAbuza kuba kutheni, yiKumkani le ya siyahambelana kakade nakwezinye izinto, kumele ke ngoko ukuba siyixhase xa kukho imfuneko yoko,” watsho uZwelonke.

Ngonyaka ka2010 umongameli weli uJacob Zuma wakhupha isiqinisekiso esasichaza ukuba uZanozuko Sigcau yiKumkani yamaMpondo ephela.

Ikhaya lakwaSigcau liphume lingena ezinkundleni emva kokuba iKomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapho yakhupha ingxelo zokuba nguZanozuko iKumkani yamaMpondo.

“Izindlu eziphambili kumcimbi wokubekwa kweKumkani emaMpondweni ziquka uMqikela, Hlamandana noSigcau, siqinisekile ngezo zindlu ukuba zizakuba khona,” wathetha watsho uSigcau.

UNkosi Nzululwazi Sigcau ongomnye weeNkosi ekumele ukuba zambathise leKumkani wasixelela ukuba akazani nawo lo mcimbi.

“Asazani nawo thina umcimbi wokubekwa kweKumkani, kuba kusekho imicimbi esenkundleni ehambelana kanye noku kubekwa kwale Kumkani,” wathetha watsho uSigcau.

Ukanti othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli kweli leMpuma Koloni uMamnkeli Ngam uthe: “Ndingathi ulwazi lwethu ngalo mcimbi mhlawumbi lubambezelekile, andingetsho ukuba ukhona okanye awukho.”

Isizwe samaMpondo sesinye sezizwe esizimeleyo ngokuba sinobuKumkani baso, amasiko, ulwimi nezithethe zalo.

Esi sizwe siphuma kuNjanya ozele uMpondo ozele uMthwa ukuza kuma kuFaku nesizukulwana.