Zibuyela emsebenzini iintatheli zeSABC

KULINDELEKE ukuba zibuyele enkomeni namhlanje iintatheli ezine zakwaSABC ebezigxothwe kweli ziko kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo.

Oku kulandela isigwebo esiwiswe yinkundla yezengqesho izolo. Ujaji Andre van Niekerk uwise isigwebo esibhalwe ngujaji Robert Langrage obechophele idabi lezi ntatheli kule nkundla, nebelifakwe yimanyano yabasebenzi iSolidarity.

Esi sine nguFoeta Krige, uSuna Venter, uKrivani Pillay kwakunye noJacques Steenkamp.

Le nkundla ikwakhuphe isithintelo esinqanda iinkqubo zoluleko kwesi sine. INgqonyela yeSolidarity uDirk Hermann uthe, isigwebo senkundla yengqesho siseka umzekelo kwiintatheli ezine ekusalindeleke ukuba idabi lazo lifikelele ezinkundleni.

UThandeka Gqubule, uBusisiwe Ntuli, kwakunye noLukhanyo Calata kusalindeleke ukuba nelabo idabi lichotshelwe yile nkundla ngolwesine, ngelixa uVuyo Mvoko ebhenele kwinkundla ephakamileyo.

UHermann uthe, “Amalungu ethu sengabuyela emsebenzini. Aqhubeke nokwenza into ayithandayo, yokunika ulwazi leendaba kubemi beli. Basazimisele ukukhusela idemokrasi, nababhatele ixabiso eliphezulu ngayo.”

Zenze umbulelo ngenkxaso ezithe zayifumana kuluntu leli ezi ntatheli.

Isithethi seSABC uKaizer Kganyago uthe, “Inkundla okwangoku iwise umyalelo, isigwebo side. Amagqwetha kaSABC azakufunda eso sigwebo phambi kokuba kubekho isigqibo ngenyathelo elilandelayo.”

Oomanejala ababe- negalelo ekugxothweni kwezi ntatheli banikwe iintsuku ezintlanu zokuba babhalele kwinkundla yengqesho banike izizathu zokuba kutheni zingenobekwa kubo iindleko zenkundla.