Zicuthekile intsuku kwabaseLesotho kweli

Nangona sele zimbalwa iintsuku eziseleyo phambi kokunyanzeliswa komthetho wempephamvume kubemi baseLesotho abahlala eMzantsi Afrika uThabang Phushudi akalwazi lale nkqubo.

Umphathiswa wezekhaya kweli uMalusi Gigaba unike abemi baseLesotho inyoba yokuba bafumane impepha mvume ezisemthethweni ingaphelanga inyanga yoMsintsi walonyaka.

“Ndifike apha eMzantsi Afrika ngo-2010 ndizokwelusa, andifundanga zange ndiye sikolweni, ndisebenzela ikhaya lam kuba akakho nomnye umntu osebenzayo ekhaya,” utshilo uPhushudi.

Ukususela kunyaka ophelileyo urhulumente weli uvelise umthetho onyanzelisa ukuba abemi baseLesotho bafumane impephamvume zethutyana ukuze bakwazi ukuhlala kweli, baphangele, bafunde abo bafundayo.

“Ixesha lokuba bafake esi sicelo beliphelelwe ngenyanga yeSilimela, saza saphinda salongeza ukuba liphele ekupheleni kwenyanga yoMsintsi ukuze bonke bafumane ithuba,” utshilo uGigaba.

Ngamashumi amane amawaka (40 000) kuphela abantu baseLesotho abebefake izicelo zokufumana ezimpepha mvume zokuhlala kweli kwinyanga yeSilimela kulo nyaka.

Okothusayo kukuba uPhusudi akanalo nolwazi lokuba zifunyanwa phi, njani ezimpephamvume.

“Andiyazi mna, andinayo nenye incwadi esemthethweni, ndihleli nje apha ndiyolusa ndiyafuna ukuyenza le ncwadi ukuze ndikhuseleke kuba ndiphangelela ikhaya lam apha,” uthethe oko uPhushudi.

Uthi unethamba lokuba ukufumaneka kweliphephamvume kuza kubakhusela kwintshutshiso abazifumana kumda woMzantsi Afrika neLesotho eTele.

“Ngenxa yokungabi nazincwadi zisemthethweni sithathelwa imali yethu, nempahla nokutya ngamajoni ahlala emideni, xa sinalo eliphepha singakhuseleka,” uqhube watsho.

Isebe lemicimbi yekhaya lithi ngamakhulu amane amawaka (600 000) abemi baseLesotho abakweli loMzantsi Afrika. Lo nto ithetha ukuba baninzi ekusalindeleke ukuba bazokufumana iimpephamvume.

“Sibanike ithuba elongezelelweyo kuba sizama ukuphungula iingxaki ezilibazisa lenkqubo kuba sinqwenela ukuba bonke bafumane ithuba lokufaka izicelo,”utshilo uGigaba.

UGigaba uthi abemi baseLesotho basokola ukufaka izicelo ngenxa yokuba abanye babo abanazo incwadi ezifunekayo, ngelixa abanye benoloyiko lokuba bangabanjwa.

UDavid Selai ongumalusi kwikhaya elithile kuKomani uthi akanalo ixesha lokulinda kwimigca emide ngenxa yokuba kufuneka ejonge impahla.

“Xa uhleli phaya ezi ofisini ulindele ukubuya impahla ibanjiwe okanye ilahlekile, lo nto yenza ukuba sikonqene ukushiya impaha siyo kufuna lamaphepha. Siyawafuna kuba siphila kabuhlungu ngaphandle kwawo,” utshilo uSelai.

Eliphulo limiselwe ngenyanga yoMduma walonyaka lela sebe, kwaye kulindeleke ukuba ezimpephamvume ziphelelwe kweyoMnga kunyaka ka-2019.

Abemi belizwe laseZimbabwe nabo balinikwa ithuba lokufaka izicelo zokufumana iimpephamvume zethutyana zokuhlala eMzantsi Afrika.

Kwiveki ephelileyo uGigaba utyelele abemi baseLesotho abahlala eRustenberg, kwiphondo loMntla Ntshona ngenjongo zokubakhumbuza ukuba bafake izicelo.

Isebe lezekhaya lithi abo basileleyo ekufakeni ezi zicelo bazakugagana nengalo yomthetho.